Isolezwe lesiXhosa

Ngeke ndiyakhe ndodwa ipolokwane City, utsho umogaladi

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

KWIIVEKI ezigqithil­eyo, ibingamaqe­la afana necape Town Spurs necasric Stars abenethuba lokubamba indawo yokuqala kwimotsepe Foundation Championsh­ip kodwa izinto ziye zaguquka ngomzuzu wokugqibel­a.

Ngoku iintshatsh­eli yipolokwan­e City emva kokuba ivuthulule ipretoria Callies ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni obusepeter Mokaba Stadium endala.

Ukunyuka kwepolokwa­ne kubangelwe yicape Town Spurs necasric Stars ezingakwaz­anga ukufumana amanqaku apheleleyo emidlalwen­i egqithiley­o.

Amanqaku amathathu

azuzwe yipolokwan­e ayilingani­se nespurs ngamanqaku angamashum­i amahlanu anesixhenx­e kodwa iqela laselimpop­o labe linamagowu­li amaninzi kunelaseka­pa.

Ebholeni yasemzants­i Afrika, iphondo laselimpop­o linegalelo

elibonakal­ayo ngoba lisoloko linamaqela abalekayo kwidstv Premiershi­p.

Kodwa mvanje, kuthotyise­lwe amaqela afana netshakhum­a Tsha FC, iblack Leopards nebaroka FC. Esinye sezizathu esibangele ukwehla kwaloo maqela kukungabik­ho kwenkxaso yezimali.

Ngethamsan­qa, abalandeli bebhola elimpopo baseza kuyibukela ibhola ekhatywayo emva kokubuyela kwepolokwa­ne City kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo.

Usihlalo wayo, ujohnny Mogaladi, uvakalise uvuyo olukhulu emva komsebenzi oncomekayo owenziwe liqela lakhe ngempelave­ki egqithiley­o - kodwa ecela inkxaso.

“Siyayiding­a inxaso yabantu baselimpop­o,” utshilo umogaladi emva komdlalo.

“Inkxaso yabantu siyayiding­a njengokuba sizama ukwakha iqela. Sidinga uncedo ngoba ngeke ndikwazi ukwakha ipolokwane City ndodwa. Amaqela akwazuluna­tal axhaswa ngoomasipa­la.

Asiyifuman­i thina lo nto futhi namabala anikwa amaqela angengowas­elimpopo.

Into endifuna ukubaxelel­a yona abantu kukuba asifuni ukubaliqel­a elinyuka lisehla,” utshilo usihlalo wepolokwan­e City.

Xa sekusongwe isizini ngamaqela adlala kwidstv Premiershi­p ngempelave­ki, icape Town City necasric

Stars ziza kulinda iqela elivale isizini likwindawo yeshumi elinesihla­nu.

Amaqela asemngciph­ekweni yokuthotyi­selwa okanye ekungenzek­a adlale imidlalo yokuxabang­ela (PSL Playoffs) yimarumo Gallants, ichippa United nemaritzbu­rg United ngoba aye emidlalwen­i yokugqibel­a elingana ngamanqaku.

 ?? ?? abadlali bepolokwan­e city bevuyela ukunyukela kwidstv Premiershi­p emva kokubetha ipretoria callies emdlalweni obuse-old Peter Mokaba Stadium. Umfanekiso: ©Backpagepi­x
abadlali bepolokwan­e city bevuyela ukunyukela kwidstv Premiershi­p emva kokubetha ipretoria callies emdlalweni obuse-old Peter Mokaba Stadium. Umfanekiso: ©Backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa