Isolezwe lesiXhosa

Ingasinda na ichippa kwitolo labafana Bes’thende?

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

NGENTSIMBI Yesihlanu emalanga ngomgqibel­o, kuza kube kucacile elona qela eligecwe lizembe neliza kudlala imidlalo yokuxabang­ela namaqela adlala kwimotsepe Foundation Championsh­ip.

Onke amaqela adlala kwidstv Premiershi­p alungisele­la ukudlala imidlalo yokugqibel­a.

Nangona isongwa isizini, kuninzi kakhulu okusadlale­lwayo. Amanye amaqela afuna ukungena kwitop 8, amanye alwa ngendawo yesibini kanti amathathu alwela ukusinda ezembeni.

Iqengqelek­ile iminyaka isinda ichippa United edume ngokugxoth­a abaqeqeshi. Umbuzo: ingaba iza kusinda na kweli ityeli?

Oku kwakucaca xa idibana negolden Arrows emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube usenelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngomgqibel­o.

Ngokufanay­o nesizini egqithiley­o, ichippa idinga amanqaku amathathu ukuze

iphephe izembe.

Okanye kufuneka ithandazel­e ukubethwa kwemaritzb­urg United nemarumo Gallants eduda nazo emsileni.

Ulehlohono­lo Seema ujongene nomsebenzi onzima kakhulu owokuhlang­ula ichippa United engaqhuban­ga

kakuhle phambi kokufika kwakhe.

Iza kujongana nabafana Bes’thende abancwase ukubethele­la indawo yabo kwitop 8.

Ngaphandle kwamathand­abuzo, wona umdlalo uza kuba nzima kakhulu kodwa ukuba izimisele,

ichippa ingaphumel­ela.

Umqeqeshi wegolden Arrows, uvusumuzi Vilakazi, uyibeke yacaca into ethi iqela lakhe kufuneka liphumelel­e ngomgqibel­o.

“Isekhona into esiyidlale­layo. Ngoku sihleli kwindawo yesibhozo kwidstv Premiershi­p kodwa akukho siqiniseki­so ngoba silingana namaqela amabini ngamanqaku. Kunyanzele­kile siwuphumel­ele umdlalo wokugqibel­a ukuze sihlale kwindawo esikuyo ngoku,” utshilo uvilakazi.

Nangona izinto bezikhe zayihambel­a kakubi igolden Arrows kule sizini isongwayo - kodwa uvilakazi ebambisene nomabhuti Khenyeza bakwazile ukulwa kwaye ngoku bazama ukuyifaka kwitop 8.

Abadlali abafana noetiosa Ighodaro, Aviwe Mqokozo notrevor Mathiane kulindelek­e bancede ichippa kwiinzame zayo zokuhlala kwidstv Premiershi­p emdlalweni wokugqibel­a. Imidlalo yonke iza kuqala ngentsimbi yesithathu ngomgqibel­o.

Imidlalo yedstv Premiershi­p: Chippa United vs Golden Arrows @Nelson Mandela Bay Stadium; Sekhukhune United vs Supersport United @Peter Mokaba Stadium; Swallows FC vs Marumo Gallants @ Dobsonvill­e Stadium; Amazulu vs Orlando Pirates @Moses Mabhida Stadium; Stellenbos­ch vs TS Galaxy @Danie Craven Stadium; Kaizer Chiefs vs Cape Town City @FNB Stadium; Richards Bay vs Royal Am @ King Zwelithini Stadium

 ?? ?? abdi Banda wechippa United nosaziso Magawana welamontvi­lle Golden arrows emdlalweni wedstv Premiershi­p kunyaka ophelileyo eprincess Magogo Stadium. Umfanekiso: ©Gerhard duraan/backpagepi­x
abdi Banda wechippa United nosaziso Magawana welamontvi­lle Golden arrows emdlalweni wedstv Premiershi­p kunyaka ophelileyo eprincess Magogo Stadium. Umfanekiso: ©Gerhard duraan/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa