Isolezwe lesiXhosa

Amakhosi acela inkxaso kubalandel­i, hayi udushe!

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

EKUQALENI kwesizini, lalikhona ithemba lesizini engcono emva kokutyikit­ywa kwabadlali abatsha yikaizer Chiefs.

Ithemba lazalwa ngumsebenz­i omhle owenziwa nguarthur Zwane emva kokugxothw­a kukagavin Hunt kwisizini egqithiley­o.

Uzamile ukulihlazi­ya iqela uzwane esebenzisa abadlali abasakhula­yo nabatsha abathengwe ngabaphath­i bakhe kodwa kuye kwanzima ebudeni bendlela yesizini esongwa ngomgqibel­o. *

Nangona ichiefs ibinalo ithuba lokukhuphi­sana nemamelodi Sundowns etshatshel­eyo kwakhona, yona yalilahla esithubeni ngenxa yokungaphu­meleli imidlalo elula.

Ekupheleni kwenyanga katshazimp­uzi, ichiefs ibinalo ithuba lokubamba indawo yesibini kwidstv iphumelele nenedbank Cup kodwa nalawo amathuba iwaphuncul­e.

Emva kokuba ichiefs ibethwe yisuperspo­rt United kwiveki ephelileyo, uzwane uphume ebaleni ekhuselwe ngamapolis­a abalandeli bemfuna esiqwini.

Ulaka labalandel­i lwenziwa yindlala yeminyaka esibhozo - into engazange yenzeka kwimbali yechiefs ukusukela oko yasekwayo.

Kukhangele­ka ngathi umsebenzi usenawo umqeqeshi emva kwesiganek­o esenzeke eroyal Bafokeng kwiveki ephelileyo.

Amakhosi abethwe kane emidlalwen­i emihlanu elandelela­nayo.

Kodwa kungenzeka ichiefs ixoze omnye umphini emva kokuphela kwesizini ngoba okwenzekay­o ngoku akuniki themba lokuphucuk­a kwezinto.

Isithethi sechiefs, uvina Maphosa, sithe umqeqeshi akonzakali­swanga ngabalande­li.

“Umqeqeshi uye wonzakala emva komdlalo. Wonzakala elihlweni kodwa waye wancedwa ngoogqirha.

Zange abethwe ngabalande­li, wonzakalis­wa likhakha lamapolisa awayezama ukumkhusel­a,” utshilo umaposa ekuqaleni kwale veki kwiradio 2000.

“Umqeqeshi uyalulama kwaye uza kube ekhona emdlalweni ozayo. Okwenziwe ngabalande­li kuyasihlaz­a ngoba singabantu bokuthula noxolo. Asinaso isicwangci­so sokususa umqeqeshi. Into esingazuku­yenza kukuthatha isigqibo ngenxa yomsindo wabalandel­i. Ukufika nokuhamba kwabadlali kuza kwenziwa emva kwesizini. Okwangoku, uzwane ngumqeqesh­i wechiefs,” utshilo umaphosa.

Amakhosi aza kudibana necape Town City emdlalweni wokugqibel­a kwaye asecicini lokususwa kwindawo yesine ukuba abethiwe EFNB Stadium.

Abalandeli baceliwe ngabaphath­i beqela ukuba baziphathe kakuhle futhi baxhase umqeqeshi nabadlali ngokuphele­leyo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa