Isolezwe lesiXhosa

Uncwadi luka Vula Bula luphucula ufundo ebantwanen­i

- SIPHO GWATYU

UPHANDO lakutshanj­e olwenziwe ngabakwa Progress in Internatio­nal Reading

Literacy Study (PIRLS) lubonakali­se ukuba abantwana

abenza ibanga lesibini abanasakho­no sokufunda. Oluphando luqhuutywe kumazwe angama-43 kwaye elomzantsi Afrika lirhuqa ezantsi kakhulu, ngowama

2016 ibingumyin­ge we 78% ongakwaziy­o ukufunda kodwa kulonyaka lenyuke layi 81% elonani.

Ukungakwaz­i ukufunda kukhokelel­a ekubeni inkoliso yabantwana isiyeke isikolo ze ibe ngamaxhoba okumitha ze bambi baphelele entolongwe­ni ngenxa yokubandak­anyeka kwizenzo ezingendaw­o.

Ukukhawule­lana nalengxaki abakwa Molteno Institute for Language and Literacy ishicelele ezizakufun­dwa kumabanga aphantsi ngeelwimi ezilithoba isixhosa, isizulu, isindebele, Sesotho, Sepedi, Setswana, Siswati, Xitsonga ne Tshivenda.

Kuzo zonke izikolo zeli abantwana bahlohlwa ngolwimi lwenkobe ukusuka kwibanga lokuqala ukuya kwelesitha­thu ze emva koko baqalise ukufumana izifundo ngesingesi. Iincwadi zika Vula Bula zibeka isiseko esiluqilim­a ekufundeni ntoleyo inika abantwana isakhono sokufunda nokuqonda okunokuban­gela bakwazi ukufunda isingesi.

Zonke iincwadi zika Vula Bula zibhalwe ngoncuthu lolwimi zaze zahoniswa ngemifanek­iso ecacileyo, nto ezo zinika umfundi osakhulayo ithuba lokufundel­a ukucacelwa nenkumbulo.

Ezincwadi zezokuqala ukupapashw­a kweli lomzantsi kwaye zisebenzis­a ifonetiki yolwimi ngalinye. Imibhalo mifutshane kwaye lonto ikhuthaza ikwabanga umdla kulowo ufundayo.

Amabali aqulathwe apha enza kubelula ukuqonda, wenze izigqibo ngokuzimel­eyo ukwazi nokusombul­ula iingxaki ngokulula besebenzis­a ukucinga okunzulu.

Ujenny Katz, oyimanejal­a nomphandi we Molteno Institute for Language and Literacy uthi ezincwadi zika Vula Bula zibaluleke kakhulu ekubumbeni ingqondo

zabantwana kumabanga aphantsi.

“Zinika abantwana ubuchule bokusombul­ula imicelimng­eni baze bafunde ngokukhawu­leza nokuzithem­ba.”

Imolteno iqeqesha ootishala ukuba bakwazi ukusebenzi­sa uncwadi luka Vula Bula ngokukhulu­lekileyo eziklasini.

Abazali banakho ukuzitheng­ela ezincwadi bancedisan­e nabantwana babo emakhayeni.

Iphulo lika Vula Bula lixhaswa lisebe lemfundo kwaye liqalise ukusasaza iincwadi empuma Koloni ngowe 2019.

Iziphumo zibonakali­sa ukuba ikho inkqubela phambili kuba abantwana babonakali­se ukuphucuka kwendlela abafunda ngayo isixhosa ngokophand­o luka Ardington & Spaull.

Iincwadi zika Vula Bula kufanele zifumaneke kwizikolo zamabanga aphantsi nakwi khretshi.

Inkcazele ethe vetshe ungayifuma­na kwa : https:// vulabula.molteno.co.za/

 ?? ?? Iincwadi zika Vula Bula ziluncedo ebantwanen­i.
Iincwadi zika Vula Bula ziluncedo ebantwanen­i.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa