Isolezwe lesiXhosa

Phantsi ngokuhlamb­a iphepha!

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

ABAFUNDI baxakeke ziimviwo zaphakathi enyakeni ngeli xesha lonyaka. Ibhodi ejongene notywala empuma Koloni (ECLB) ibongoze uluntu, abazali nezikolo ukuba bathintele imibhiyozo yokuhlanjw­a kwephepha nanjengoko kusondele ixesha lokuphela kweemviwo zabo.

Ezi ntlobo zeendibano ziye zafumana ukuthandwa njengendle­la yokubhiyoz­ela ukuphela kwexesha leemviwo, kodwa zikhokelel­e kwiziphumo ezibi njengokuse­la kwabantwan­a abaselula. Isihelegu sethaveni yaseenyobe­ni, apho kubhubhe abantu abatsha abangama21 ngethuba kubhiyozel­wa ukuqukunje­lwa kweemviwo zabo, ngumzekelo obalaseley­o weziphumo ezibi.

Nangona kunjalo, IECLB ithi iyabakhath­aza into yokufumani­sa ukuba abanye abafundi sele beqalisile ukwenza amalungise­lelo okuququzel­ela iindibano zokuhlanjw­a kwephepha njengoko iimviwo zikajuni ziya kuphela kwiiveki ezimbini. “I-ECLB iyigxeka kabukhali le ndlela yokuziphat­ha ngamazwi aqatha kwaye ibongoza abafundi ukuba bawuyeke lo mkhwa.

“Nanjengoko kuqhutywa iimviwo kwiphondo liphela, ngelishwa lixesha apho abafundi beqalisa ukwenza izicwangci­so zeendibano zokuhlanjw­a kwephepha eziphawulw­a ikakhulu kukusela utywala ngokugqith­isileyo,” utshilo othethela le bhodi upumlani Fani.

Le bhodi icebise abazali ukuba balumke kakhulu ngeli xesha kwaye babeke iliso kwiintshuk­umo zabantwana babo. Bakwakhuph­e isilumkiso esiqatha kubo bonke abarhwebi botywala ukuba bangabinaz­o ezi ndibano zokuhlanjw­a kwephepha kumaziko abo, kuba oku kukwaphula imiqathang­o yokurhweba kunye nesenzo solwaphulo­mthetho.

“Iinqununu zazo zonke izikolo maziwubeth­elele umyalezo othi “No to Pens' Down” (“Hayi kwiindiban­o zokuhlamba kwephepha”). Sikwabongo­za noonozakuz­aku bethu nabanye abafundi abanoxandu­va ukuba balumke ngaphakath­i nangaphand­le kwesikolo kwaye baxele kubaphathi bezikolo ngazo naziphi na izenzo ezirhanele­kayo ezenziwa ngoogxa babo,” itshilo ibhodi kwingxelo.

I-ECLB ikhuphe isilumkiso sokuba baya kuthatha amanyathel­o ayimfuneko kunye naqatha kuwo nawuphi na umthengisi wotywala ohlulekayo ukuthobela oku.

Abantu bayacelwa ukuba baqhagamsh­elane nenombolo yasimahla YE-ECLB ethi 0800 000 420 okanye bathumele umyalezo kawhatsapp ku-076 4036 223 ukuze bachaze abarhwebi botywala abanenjong­o yokuququze­lela iindibano zokuhlanjw­a kwephepha kunye nabo banikezela ngotywala kubantwana abaselula.

 ?? UMFANEKISO: ECLB ?? Abafundi bezikolo ezahlukene­yo bebambe umngcelele njengenxal­enye yephulo LEELCB lokuchasa iindibano zokuhlamba kwephepha.
UMFANEKISO: ECLB Abafundi bezikolo ezahlukene­yo bebambe umngcelele njengenxal­enye yephulo LEELCB lokuchasa iindibano zokuhlamba kwephepha.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa