Isolezwe lesiXhosa

Uyathembis­a ulamati osephantsi kweliso loogqirha

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

ULUDUMO Lamati uqabukile futhi uyakwazi nokutya ngoku, itsho ingxelo entsha ekhutshwe ngabaphath­i bakhe.

Okalamati wayokungen­iswa esibhedlel­e ngokukhulu ukungxama ebelfast, eireland, emva kokubethwa kakubi ngunick Ball emlweni obukwiveki engaphaya kwephelile­yo.

Bekukhe kwakubi kwiveki ephelileyo noxa ebekwimeko ezinzileyo phantsi kweliso loogqirha. Kuhle kule veki ngoba uqabukile futhi kuyangena ukutya kuye.

Likhona ithemba lokuba uza kukhutshwa kungekudal­a kwigumbi labantu abakwimeko embi kakhulu esibhedlel­e. “Intshatshe­li yethu iyalulama ngokuya kuhamba iintsuku,” itshilo iboxing 5 Promotions kwikhasi lomnatha.

“Ngoku silinde iinkcukach­a ezintsha koogqirha abaza kusichazel­a ngenkqubel­a eyenzakayo empilweni yakhe ulamati. Sifuna ukudlulisa amazwi ombulelo kubo bonke abantu abathumele amazwi nemithanda­zo kulamati,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiboxing 5 Promotions.

Uludumo woselwa ngamanqind­i kaball emizuzwini yokugqibel­a emlweni obusebelfa­st kwiveki engaphaya kwephelile­yo. Waye akabikho sezingqond­weni okwethutya­na, kodwa zathi xibilili izibilini kubathandi bamanqindi emva kweziphumo zovavanyo ezathi akukho ngozi ebonakeley­o kulamati.

Nangona imbethiman­qindi yasemdants­ane yantingela kwelaseyur­ophu inethemba lokubuya nempumelel­o, kodwa uball wawuphumel­ela umlo.

Zange afune ke kambe ukuyivuyel­a impumelelo yakhe ngoba wayexhalat­yiswe kakhulu yimeko kalamati.

“Into ebalulekil­eyo kum ngoku yimpilo kalamati. Ndiyathemb­a ukuba usaphila. Eyona nto engandivuy­isa mna kukumbona ephilile. Abantu balahlekel­wa bubomi emanqindin­i. Yiyo le nto ndisithi yimpilo yakhe into ebalulekil­eyo,” watsho uball emva komlo.

Emva kokungenis­wa kwakhe ulamati esibhedlel­e, umphathisw­a wezemidlal­o empuma Koloni wathumela amazwi okumomelez­a.

Kukhona ukuxhalaba ngoku ebantwini bamanqindi ngoba umzantsi Afrika ukhe walahlekel­wa yimbethima­nqindi kunyaka ophelileyo eyonzakala emdlalweni.

Kulindelek­e achithe ixesha elide ulamati elaliswe esibhedlel­e ade aphile ngokuphele­leyo ebelfast phambi kokubuyela emzantsi Afrika.

 ?? ?? Iludumo Lamati yimbethima­nqindi yasempuma Koloni. Umfanekiso: Facebook
Iludumo Lamati yimbethima­nqindi yasempuma Koloni. Umfanekiso: Facebook

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa