Isolezwe lesiXhosa

Uglenrose Xaba usothukile emva kokwenza imbali egqeberha

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

ENYE yeembaleki eziphambil­i emzantsi Afrika, uglenrose Xaba, ithi ayikakhole­lwa ncam ukuba yiyo eyenze imbali kwinelson Mandela Bay Half Marathon kwiveki ephelileyo.

Uxaba ubambe indawo yesibini emva kukabetty Chepkemoi wasekenya emva kokubaleka amashumi amabini ananye eekhilomit­ha (21km) kwixesha eliyiyure enemizuzu esibhozo nemizuzwan­a (1:08:37).

Yimbaleki yokuqala yalapha emzantsi Afrika ekwazileyo ukubaleka ixesha elingakaya elinenekaz­i.

Uxaba ubhale iincwadi zembali kwicandelo leembaleki ngokutsha ngethuba etsiba ngapha kweembalek­i ezimbini, ucollen dereuck (1:08:38) noelana Meyer (1:06:44) ebizezona ezinamarek­hodi amahle ixesha elide.

“Ndisothuki­le yindlela endiqhube kakuhle ngayo,” utshilo uxaba encokola nolindixes­ha weembaleki emva kokuphuma entanjeni kwiveki ephelileyo.

“Andikwazi ukuyichaza indlela endiziva ngayo - kodwa ukuzithemb­a bekuphezul­u phambi kogqatso. Khange ndiwuve tu umgama endiwubale­kileyo ngoba bendizilun­giselele kakuhle kakhulu,” utshilo uxaba.

Okucace gca ngomgqibel­o ogqithiley­o kukuba uxaba uye kugqatso obelusegqe­berha ekhuthazek­ile kakhulu emva kokuba ebekhe waqhuba kakuhle kwiitument­e ezimbini kwiinyanga ezidlulile­yo.

Uncome indlela umqeqeshi wakhe amjimise ngayo phambi kwenelson Mandela Bay Half Marathon.

“Indlela entsha ayisebenzi­sayo kulo nyaka umqeqeshi inefuthe kwiziphumo ezihle endizifume­neyo. Ndinethuba elide ndizama ukubaleka iikholomit­ha (5km) zokugqibel­a emidyarhwe­ni ngendlela ebhetele. Ngoku ndiyabona iyenzeka la nto siyenza xa sisejimini,” utshilo uxaba obalekela iboxer Athletics Club. Akufanelan­ga ukothusa ukubaleka kakuhle kukaxaba ngoba uphethwe ngumanqanq­a wembaleki, ucaster Semenya.

“Kwiminyaka egqithiley­o izinto zikhe azahamba kakuhle ngenxa yempilo ebikhe yandikhath­aza kodwa khange ndityhafe. Xa unabantu abakunika amandla ngokunika inkxaso njengabo ndinabo, awukwazi ukunikezel­a. Ndifuna ukuqhwabel­a izandla umntu ojonge impilo yam oqinisekis­ayo ukuba ndibuya neziphumo ezihle,” uvale ngaloo mazwi uxaba.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa