Lingamfiliba ikamva likalorch kwipirates xa enokuvalelwa ejele!
UMDLALI ohlaselayo weorlando Pirates, uthembinkosi Lorch, ujongene nobunye ubunzima ebomini bakhe emva kwesigqibo senkundla esibhengezwe ekuqaleni kwale veki.
Okalorch uza kugwetywa kwinyanga ezayo yinkundla yaserandburg kwiphondo lasegauteng - apho bekuxoxelwa khona ityala lakhe.
Ekuqaleni kwale veki, ulorch ufunyenwe enetyala lokonzakalisa ngenjongo owayethandana naye, ufundiswa Nokuphiwa Mathithibala, ngomhla wesixhenxe kwinyanga yomsintsi kunyaka ka2020.
Isithethi segunyabantu lezotshutshiso (NPA), uphindi Mjonondwane, uthe ufundiswa wamangalela ulorch kwisikhululo samapolisa esisemidrand. Waye wabanjwa umdlali wepirate waze wakhululwa ngebheyile
yamawaka amabini eerandi. Ingxelo ithi ufundiwa wayetyelele endlini kalorch ngomhla wesixhenxe. Waphuma netshomi yakhe ulorch engumntu oza kubuya ngokukhawuleza kodwa kwathi kwakucaca ukuba kuhamba ixesha engabuyi, ufundiswa wamthumelela umyalezo othi makabuyise izitshixo zemoto yakhe.
Leyo yaba yintsusa yengxabano ngoba ulorch wafika wonda ngaye emva kokugibiselana ngamazwi arhabaxa.
Ubungqina bukagqirha obuthiwe thaca enkundleni buhambelene ngqo nento ethethwe ngufundiswa kwaye yena ummangalelwa zange abenawo nomncinci umkrwelo ngomhla wesehlo. Okuye kwenza izinto zambi kukuba ulorch akakwazanga ukuthetha into evakalayo enkundleni. Emva kweziphumo zetyala, inkundla iza kugweba ulorch ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga yekhala. Oku kuvela emva kokuba ulorch echithe ixesha elide engayidlali ibhola ngenxa yokonzakala. Kunokwenzeka kuthiwe makaye ejele yinkundla okanye anikwe isigwebo esixhonyiweyo esihamba nomdliwo oyimali.
Uye waphila seyisondela esiphelweni isizini, wafika wayinceda ipirates yaphumelela inedbank
Cup - indebe yesibini yeqela lakhe. Ukuvalelwa kwakhe kuza kuchaphazela kakubi umsebenzi wakhe kwipirates nakwiqela lesizwe ohleli uphazanyiwa kukonzakala kwakhe okuzingileyo eminyakeni egqithileyo.
Akukho mntu angamsola ngoba nguye owazifaka engxakini. Njengokuba amaqela esanqumamile kwicala lemidlalo, umqeqeshi wepirates, ujose Riveiro, kufuneka alungiselele ukuqala isizini ngaphandle komnye wabadlali bakhe ababalulekileyo ukuba kuthiwe makayokuthothoza entolongweni ngumantyi.