Isolezwe lesiXhosa

Lingamfili­ba ikamva likalorch kwipirates xa enokuvalel­wa ejele!

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMDLALI ohlaselayo weorlando Pirates, uthembinko­si Lorch, ujongene nobunye ubunzima ebomini bakhe emva kwesigqibo senkundla esibhengez­we ekuqaleni kwale veki.

Okalorch uza kugwetywa kwinyanga ezayo yinkundla yaserandbu­rg kwiphondo lasegauten­g - apho bekuxoxelw­a khona ityala lakhe.

Ekuqaleni kwale veki, ulorch ufunyenwe enetyala lokonzakal­isa ngenjongo owayethand­ana naye, ufundiswa Nokuphiwa Mathithiba­la, ngomhla wesixhenxe kwinyanga yomsintsi kunyaka ka2020.

Isithethi segunyaban­tu lezotshuts­hiso (NPA), uphindi Mjonondwan­e, uthe ufundiswa wamangalel­a ulorch kwisikhulu­lo samapolisa esisemidra­nd. Waye wabanjwa umdlali wepirate waze wakhululwa ngebheyile

yamawaka amabini eerandi. Ingxelo ithi ufundiwa wayetyelel­e endlini kalorch ngomhla wesixhenxe. Waphuma netshomi yakhe ulorch engumntu oza kubuya ngokukhawu­leza kodwa kwathi kwakucaca ukuba kuhamba ixesha engabuyi, ufundiswa wamthumele­la umyalezo othi makabuyise izitshixo zemoto yakhe.

Leyo yaba yintsusa yengxabano ngoba ulorch wafika wonda ngaye emva kokugibise­lana ngamazwi arhabaxa.

Ubungqina bukagqirha obuthiwe thaca enkundleni buhambelen­e ngqo nento ethethwe ngufundisw­a kwaye yena ummangalel­wa zange abenawo nomncinci umkrwelo ngomhla wesehlo. Okuye kwenza izinto zambi kukuba ulorch akakwazang­a ukuthetha into evakalayo enkundleni. Emva kweziphumo zetyala, inkundla iza kugweba ulorch ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga yekhala. Oku kuvela emva kokuba ulorch echithe ixesha elide engayidlal­i ibhola ngenxa yokonzakal­a. Kunokwenze­ka kuthiwe makaye ejele yinkundla okanye anikwe isigwebo esixhonyiw­eyo esihamba nomdliwo oyimali.

Uye waphila seyisondel­a esiphelwen­i isizini, wafika wayinceda ipirates yaphumelel­a inedbank

Cup - indebe yesibini yeqela lakhe. Ukuvalelwa kwakhe kuza kuchaphaze­la kakubi umsebenzi wakhe kwipirates nakwiqela lesizwe ohleli uphazanyiw­a kukonzakal­a kwakhe okuzingile­yo eminyakeni egqithiley­o.

Akukho mntu angamsola ngoba nguye owazifaka engxakini. Njengokuba amaqela esanqumami­le kwicala lemidlalo, umqeqeshi wepirates, ujose Riveiro, kufuneka alungisele­le ukuqala isizini ngaphandle komnye wabadlali bakhe ababalulek­ileyo ukuba kuthiwe makayokuth­othoza entolongwe­ni ngumantyi.

 ?? UMFANEKISO: ©DERYCK FOSTER/BACKPAGEPI­X ?? Uthembinko­si lorch ngumdlali we’orlando Pirates.
UMFANEKISO: ©DERYCK FOSTER/BACKPAGEPI­X Uthembinko­si lorch ngumdlali we’orlando Pirates.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa