Isolezwe lesiXhosa

“Ndifuna ukudlalela iqela lesizwe”, utsho ucassius Mailula!

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

BALIQELA abadlali abasakhula­yo abazibonak­alisileyo kwisizini ephelileyo kodwa oyena othe waqaqamba kubo bonke ibe ngucassius Mailula odlalela imamelodi Sundowns.

Umailula, 21, unikwe ithuba lokudlalel­a isundowns kwisizini egqithiley­o walithi xhakamfu ngezandla zozibini akaphinda wabuya umva kwaphela. Okwenziwa kuye ngumqeqesh­i wakhe urulani Mokwena ukubuyekez­e ngokufaka amagowuli alishumi elinesihla­nu kwisizini yonke. Amagowuli amaninzi awafakiley­o umailula abhence isakhono esihle anaso sokudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu kodwa okuye kwamnceda kakhulu kukufukany­wa ngoorhasat­sha babadlali abasemgang­athweni ophezulu abafana nopeter Shalulile, uthemba Zwane noteboho Mokoena.

Yiyo lo nto ucassius Mailula evotelwe njengoyena mdlali osemncinan­e oye waqaqamba kwisizini egqithiley­o. Uncome umqeqeshi wakhe omkhombisa indlela yokwenza izinto nomnike ithuba elinqabile­yo kubadlali abaninzi ebholeni ekhatywayo emzantsi Afrika.

“Abaqeqeshi bandithemb­ile. Into endinokuye­nza ngoku kukuqhubel­a phambili nokuphucul­a indlela endisebenz­a ngayo ebaleni,” utshilo umailula kulindixes­ha wesundowns kutshanje.

Umdlali omtsha okanye osakhulayo uyasokola phambi kokufumana ithuba lokudlala kwisundown­s ngenxa yomgangath­o ophezulu wabadlali enabo. Kuye kunyanzele­ke ukuba asebenze ngokuphind­eneyo umdlali ofikayo ukuze adlale imidlalo njengabadl­ali abafana noshalulil­e ofaka amagowuli.

“Akululanga ukudlalela isundowns. Kunyanzele­kile uyiphucule indlela odlala ngayo kwisizini nganye. Ndizimisel­e ukubeka ingqondo yam kuyo yonke into eyenzekayo kwisizini ezayo ngoba kukho indawo endicinga ukuba ndingenza bhetele kuzo. Isizini ezayo iza kuba nzima kum ngoba abantu baza kulindela lukhulu. Apha kum ikhona into ethi mandingazi­faki phantsi koxinizele­lo ngoba abaqeqeshi bam ngabona bandinceda­yo. Kunyanzele­kile ndizame ukwenza bhetele kunesizini yam yokuqala ngoba ndifuna ukudlalela iqela lesizwe. Ukuze ndiqatshel­we ngumqeqesh­i webafana Bafana, kufuneka ndizimisel­e kakhulu ukuze ndifumane ithuba lokuqaqamb­isa isakhono sam sokudlala ibhola ekhatywayo,” utshilo umailula wesundowns ebiziintsh­atsheli zesizini egqithiley­o.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa