Utyelelo lweenkosi ngeenjongo zokufundisa abatsha ngoyindoni yakwaxhosa
IGQIYAZANA laseludiza kumhlaba wakugatyana nelibuye nesitshaba sokuba yi-indoni yamaxhosa kukhuphiswano lweindoni Miss Cultural SA 2023/2024, lithi le mpumelelo lize nayo ibisele ingunyaka wayo wesibhozo izama nayo ukungenela kolu khuphiswano ukusukela ngo2019.
U-inako Mateza, uthi zange alahle themba kuba wayezazi iinjongo zakhe, ngokuthi gqolo engenela olu khuphiswano. Uthi okubalulekileyo kuye kukuzazi, kwanokuphila lento ayiyo kwaye ayishumayela nakwabanye abantu abatsha.
Umateza evuyela ukuphumelela kwakhe, uthi kwizicwangciso zakhe njenge-indoni yamaxhosa ka2023/24, kukutyelela imibutho ejongene nolutsha, apho azakudakanca khona imicelimngeni. Ukwathi uza kuthi abonise ngohlobo enokuthi kukhawulelwane nayo ngayo, njengoko kukudala eneengcinga kwaneengcebiso ekunokuhlangatyezwana nale mingeni ngayo.
“Ndikwanezicwangciso zokutyelela iinkosi zeelali zonke kwimihlaba ekuzo, apho ndiza kufundisa uluntu ingakumbi ulutsha nge-indoni. Ndiza kugxila kukubaluleka kokuhlala unyulu, kwanangohlobo lokunxiba, nezithethe zakwaxhosa. Kuko konke ke oku kuxakeka andizukuzilibala iincwadi zam njengoko ndinguye nomfundi nam,” utshilo umateza.
Le ntombi nto yakwamateza yenza unyaka wayo wesibini kulo nyaka edurban University of Technology, kwiphondo lakwazulu-natal.
Ikumkanikazi yamaxhosa unonzuzo Sigcawu, nowayezimase usuku lokhuphiswano lwe-indoni Miss Cultural 2023/2024,
EICC edurban ngodisemba kunyaka ophelileyo, uthi belikomkhulu bakwiphulo lokwenza imibhoyozo yokuvuyisana nabo baphumeleleyo, uinako Mateza kwakunye nomelo Bikitsha.
Uthi bayazidla kwaye banebhongo. Ukwathi ngokwenza le mibhiyozo bafuna ukubonisa nabanye ngomzekelo wabo baphumeleleyo ukuze nabo bakhuthale nangakumbi.
Le Nkosikazi ikwacela namasebe karhulumente angenelele ukuncedisa la maphulo anje ukuze esi ibesisizwe esiphilileyo kwaye bakhuthale babenethemba nabantu abatsha abalahle ithemba.
Umateza ukwayiyo nembongi, ekwanguye nomsunguli wombutho ozimeleyo Inako Foundation, apho nawo ukhuthazayo, ukwafundisa ngezithethe zesizwe samaxhosa.
Le ntwazana sele ikhe yafumana iwonga lokuba yimbongi kwanongoyena ubhale ileta egqwesileyo kukhuphiswano ealbert Luthuli Oral History Programme.
Ikomkhulu lamaxhosa lamwonga njengomfundi onezakhono zokukhokela ngo2022. Waphumelela emagqabini ugrade12 wakhe exolilizwe High School enqadu, kugatyane, ngo2022.
Kwabo banqwenela ukubayinxalenye ne-inako
Foundation ziphumile iifomu ungatyelela ikhasi lika-inako ufumane iinkcukacha.
Kwi-indoni kudibana iintombi nto ezingekachikwa bele zezizwe zonke, amaxhosa, amazulu, amavenda, amandebele, abetswana, amapedi, abathembu, amampondo, ama-khoi-san, abatsonga kwanamaswati, nalapho bafundiswa ngezithethe zabo nangohlobo lokuziphatha kwabo kwaye nokuzazi ukuba ungubani na uvelaphi kwaye uneenjongo eziyaphi ngobomi.
Ukukhulelwa phambi kwexesha, ukusela utywala kwanokwenza izinto ezigwenxa zizona zinto zikwenza usinde.