Isolezwe lesiXhosa

‘Ukelly akazange aqeshe iinkabi ukuba zibulale usenzo,’ kutsho umninawa kasenzo

-

BRENDA MASILELA BRENDA.MASILELA@INL.CO.ZA

EMVA kwezityhol­o ezenziweyo kwimvumi ukelly Khumalo malunga nokubandak­anyeka kwakhe ekubulawen­i kobesakuba ngunozinti webafana Bafana neorlando Pirates, usenzo Meyiwa, umninawa wale ndedeba engasekhoy­o utyhola umcuphi ophethe eli tyala ngokuba lixoki nokubanobu­qhophololo.

Oku kuza emva kokuba umcuphi wetyala ubrigadier Bongani Gininda engqinile ukuba ababini kubamangal­elwa umuzikawuk­hulelwa Sibiya nobongani Ntanzi batyhola ukhumalo njengowaya­lela ukuba babulale umeyiwa.

Ugininda ebenika ubungqina ngolwesith­athu kwinkundla ephakamile­yo yasegauten­g epitoli ngethuba kuchotshel­wa ityala kuqiniseki­swa ubunyani bezityholo ezenziwa ngusibiya nontanzi.

Ethetha kudliwanon­dlebe olukhethek­ileyo ne-enca, usifiso Meyiwa uzikhabile izityholo etyhola ugininda ngelithi uzikha entloko ezi zityholo ukuze akhusele iimfuno zakhe.

“Ndizakuqhu­beka ndiyitheth­a le nto de ingqinwe kuba sinobungqi­na. Ndiyamazi ugininda uyaxoka, yindlela asebenza ngayo le, abantu abaninzi abamazi ubrigadier Gininda. Ndiyamazi, ndiye ndawalande­la amatyala akhe. Uyaxoka, ukelly akazange aqeshe abantu ukuba babulale usenzo.

“Ndizakuhla­la ndiyitheth­a le nto, umntu owabulala usenzo ebekhona endlini kodwa lo mntu uyakhuselw­a,” utshilo usifiso umninawa kasenzo.

Nangona kukho ubungqina obudibanis­a ukelly nabanye babatyholw­a

ngokubulal­a usenzo, usifiso uthe akakakhole­lwa ukuba uyabandaka­nyeka, endaweni yoko, utyhola ugininda ngokutyala ubungqina kunye nokulawula ityala ngendlela afuna ngayo ukuze afumane iziphumo azinqwenel­ayo.

“Ndiyayazi indlela asebenza ngayo ugininda, laa ndoda iyingozi kakhulu kwaye inamaqhing­a. Ugininda unokuyilaw­ula ngokulula ingqondo yakho,” utshilo.

Usifiso uxelele lo msasazi ukuba usebenze kwisikhulu­lo samapolisa iminyaka engaphaya kwamashumi amabini (20) kwaye uyiqhelile indlela abantu ababhatale­lwe ukubulala abasebenza ngayo, kwaye indawo yexhwayelo apho usenzo wabhubhela khona ayibonakal­i ngathi ngumsebenz­i womntu othengiwey­o.

“Akukho nkabi esebenzisa imbumbulu enye ukubulala umntu aqeshelwe ukumbulala. Ndikhe ndabona amatyala apho

iinkabi zibulala abantu. Akukho nkabi ingena endlini isebenzise imbumbulu enye ukubulala umntu ingakumbi xa ihlawulwe imali.

“Nokuba ujonge abatyholwa, baziinkabi ezinamatya­la angaphambi­li kwaye ukuba baya kwindawo ethile akukho mntu usala ephila, nabantwana bayabulawa,” utshilo.

Ukongeza, usifiso utyhola umbuso ngokuba nobudlelwa­ne nogininda nokungazam­i ukufuna ubulungisa ngokubhubh­a komntakwab­o.

Enkundleni, omnye wabatyholw­a, untanzi, ethethelwa ngummeli wakhe uthe ugininda wamthembis­a izigidi ezithathu zeerandi

(R3 million) ukuze enze ubungqina obuzokuqin­isekisa ukubandaka­nyeka kwabantu abachaneki­leyo ekubulawen­i kukasenzo.

Ugininda uye wakhanyela ukwenza isithembis­o esinjalo.

Nangona kunjalo, usifiso uxelele I-ENCA ukuba ukholelwa ukuba ugininda esenzile esi sithembiso.

“Baninzi abantu abathe bafumbathi­swa ukuze bavume ukubulala usenzo, omnye wabo wazama ukuvuma ityala phambi komantyi wasemgungu­ndlovu nto leyo eyabangela ukuba umantyi amkhabela ngaphandle kwenkundla. Ngoko asiyonto intsha yokuva abantu bevuma ityala, yinto kudala isenzeka le,” utshilo usifiso.

Uthe nangona bengakhole­lwa ukuba ukelly unento yokwenza nokubulawa kukasenzo, kodwa bafuna athethe inyani.

“Nangona usenzo wayetshati­le, ukelly wayemthand­a kwaye ebengasoze ambulale,” wongeze watsho.

Ufunge wabhambath­isa ukuba logama esaphila, uzakufuna ubulungisa ade abe uyavalelwa entolongwe­ni umenzi wobubi.

Umeyiwa wabulawa ngomhla wamashumi amabini anesithand­athu (26) kweyedwarh­a ngo2014 etyelele imvumi ukelly owayethand­ana naye kwikhaya lakhe evosloorus.

Endlini ngaloo mini kwakukho ukelly nodade wabo ongaphants­i kuye, uzandile, umama wakhe, untombi Khumalo (umakhumalo), ulongwe Twala, abahlobo bakasenzo; umthokozis­i Thwala notumelo Madlala; unyana kakelly owayenemin­yaka emine ubudala ngoko, uchristian, kunye nothingo intombi yakhe nosenzo.

Amadoda amahlanu – usibiya, Ntanzi, Mthobisi

Prince Mncube, Mthokozise­ni Ziphozonke Maphisa, nofisokuhl­e Nkani Ntuli basenkundl­eni ngokubulal­a usenzo.

Ityala liyaqhubek­a ngomvulo.

Eli bali liqale lavela kwi-iol.

 ?? ?? Umninawa kasenzo Meyiwa, usifiso Meyiwa.
Umninawa kasenzo Meyiwa, usifiso Meyiwa.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa