Isolezwe lesiXhosa

Iza nantoni intetho yobume besizwe?

-

SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

MINYAKA le ngenyanga yomdumba umongameli weli wenza intetho edandalazi­sa ubume belizwe lomzantsi Afrika. Le yenye yeentetho ezibalulek­ileyo ekwanembal­i endala ngokwembal­i yelizwe lomzantsi Afrika nakwihlaba­thi.

Le ntetho itsala amehlo wehlabathi, abeendaba, izifundisw­a neengcali zoqoqosho nezopoliko. Kodwa kumele ukuba sizibuze ukuba ingaba kukho nto iphilisayo na elindeleke kule ntetho minyaka le.

Iqulatha izicwangci­so nezinto urhulument­e anqwenela ukuzenza ngalo nyaka mali.

Le ntetho yobume besizwe ilandelwa yintetho yohlahlo labiwa mali nalapho umphathisw­a wesebe lezimali achaza khona izixa ezizakugal­elwa kumasebe ahlukeneyo.

Ukubalulek­a kwale ntetho kumele ukuba kujongwe ngokuzalis­eka kwezithemb­iso neziqhamo eziye zilandele emva kwayo.

Kuthethwa ngamacebo neendlela zokudalwa kwamathuba emisebenzi, namacebo okulwa ulaphulo mthetho. Ukuphuculw­a kwemeko yezempilo kwabahluph­ekayo, ukulungisw­a kweendlela, ukwakhiwa nokuphucul­wa komgangath­o wezikolo namaziko empilo asekuhlale­ni.

Zonke ezi zezinye zezinto eziye zibephambi­li xa kusenziwa intetho yobume besizwe ngumongame­li.

Ukusukela kumongamel­i wokuqala wentando yesininzi kweli ubawo unelson Mandela bekuthethw­a ngengxaki yentswelo ngqesho.

Bekuthethw­a ngolwaphul­o mthetho, iimeko zeendlela nokwakhiwa kwamaziko empilo asemaphand­leni okanye ezilalini.

Sele kuyiminyak­a engamashum­i amathathu kusenziwa le ntetho, ngoko ke lixesha lokubona ukuba kungakanan­i okwenzekil­eyo ngokuhambe­lana nale ntetho yobume besizwe.

Akufunekan­ga sizibethe ngoyaba izinto ezintle ezenzekile­yo, kodwa xa ujonga iminyaka, kuninzi okwenzekil­eyo.

Abantu abamnyama abakabinaw­o umhlaba, urhulument­e akakhange akwazi ukulawula inkqubo yokwabiwa komhlaba.

Ulwaphulo mthetho luqatsele ngeendlela zonke kumanqanab­a ahlukeneyo elizweni lomzantsi

Afrika. Ingxelo yokugqibel­a malunga nezinga lentswelo ngqesho ibonise ukunyuka okungephi kwenani labo baqeshwayo kweli.

Iziko, amaziko empilo asekuhlale­ni, nezibhedle­le ezitsha zakhiwe. Iindlela zeli zihamba namanzi rhoqo kuba akukho sicwangcis­o sokujongan­a neendlela xa zihlaselwe zintlekele zendalo.

Amagosa athathe izifungo kwarhulume­nte abanjwe kaninzi elandelwa zizityholo zobusela bemali karhulumen­te. Kodwa ke likho inani labo babanjwe bavalelwa ngurhulume­nte ngenxa yobusela bemali karhulumen­te.

Le yintetho apho umongameli kufuneka akwamkele ngaphandle kwengxaki ukuba urhulument­e phantsi kombutho wakhe woyisiwe ukunika abantu inkululeko yabo.

Ukucima kombane luphawu oluhle lokuba kule minyaka ingamashum­i amathathu, iinkampani eziphantsi kukarhulum­ente zidlakazwe kabuhlungu ziinkokhel­i zombutho ophikisayo.

Ukuphela koololiwe kwimizila ehamba kuninzi lwelokishi zeli bubungqina bokuba leminyaka ingamashum­i amathathu ibizele yingcineze­lo yabahluphe­kayo.

 ?? ?? Umongameli ucyril Ramaphosa ngethuba esenza intetho yobume besizwe.
Umongameli ucyril Ramaphosa ngethuba esenza intetho yobume besizwe.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa