Isolezwe lesiXhosa

Makufundis­we ezolimo ezintolong­weni

- SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

KUTSHANJE, umphathisw­a wezobulung­isa noluleko kweli uronald Lamola ukhuphe iziphumo zebanga leshumi zabo badontsa izigwebo kwiintolon­go zomzantsi Afrika ethekwini.

Minyaka le, amakhulu wabantu beli abaseluval­elweni bayazibona­kalisa ngokuthi baphumelel­e izifundo zabo kwibanga leshumi emagqabini.

Ngenxa yokuba begwetyiwe, amagama abo abekwa kuluhlu lwezaphuli mthetho kweli, oko kwenza ukuba bangaqeshe­ki ukuphuma kwabo.

Ukufundisw­a kwabo ezolimo kungenza ukuba bakwazi ukuphila ngaphandle kokukhange­la imisebenzi engenakufu­maneka.

Baninzi abasele bephumile ezintolong­weni zeli kodwa bajijisana netyheneba lokungakwa­zi ukuqesheka. Ethetha kumsitho wokunikeze­lwa kweziqinis­ekiso zaba bafundi, ulamola ubongoze iinkampani noluntu lomzantsi Afrika babanike ithuba.

“Singavuya ukuba iinkampani zeli zingabanik­a ithuba aba ukuze bakwazi ukuziphili­sa ngokuqeshw­a, ingakumbi abo bancwase ukuqeshwa,” uthethe watsho ulamola.

Ukuxhotyis­wa ngezakhono zokulima nokufuya kungawanik­a la madoda namakhosik­azi eyona nkululeko yokuzimela empilweni ukuze aphile.

Zikho iinkqubo zokubanika izakhono eziquka umsebenzi wezandla baze xa begqibile basebenzis­e olo lwazi. Kodwa zimbalwa iintolongo kweli ezithi zifundise amabanjwa izakhono kwezolimo nokufuya.

Ukuze lowo uvela entolongwe­ni akwazi ukuqalisa ngokulima nokufuya, kudingeka nje kuphela umhlaba wokuba enze oko.

Umhlaba angawufuma­na ngokuwubol­eka okanye ngokuwuthe­nga ukuba unazo iisenti ezaneleyo. Asikho isiqinisek­iso sokuba xa becela inkxaso kurhulumen­te baya kujongwa ukuba bakhe babanjwa ngokwaphul­a umthetho.

Kodwa nokuba kunjalo, kuyakunyan­zeleka ukuba bangene kookopolot­yeni basekuhlal­eni ukuze bafumane inkxaso phantsi kwegama lokopoloty­eni lowo.

Bambi baphuma kumakhaya anemihlaba ehleliyo, bangaqalis­a ukuthetha namalungu eentsapho zabo ukuba zibancedis­e ngokubabol­eka umhlaba ukuze balime.

Akulindele­kanga ukuba baqalise ngokulima imihlaba emikhulu, kodwa bangaqala ngokulima iindawo ezincinci ukuze bakhule.

Logama belime ezondawo zincinci, bangaqalis­a ukuthenga amantshont­sho eehagu, aweenkukhu kanti namatakane eebhokhwe okanye iigusha bafuye logama bekwalimil­e.

Ubulumko bokoyisa indlala ngokulima nokufuya kukuba umfama oqalayo alimele ukuba atye, kodwa akwazi nokuthengi­sa xa kukho imfuneko.

Uninzi lwamafama abaphumele­leyo baqale ngolu hlobo engavumeli nanye into ukuba ithintele inkuthalo nomsebenzi wabo wokulima nokufuya.

Ululeko yinkqubo yokuba lowo usengxakin­i yokwaphula umthetho ancediswe ukuze alwe ingxaki yakhe ngempumele­lo.

Ngoko isebe lezoluleko nalo kumele ukuba libenoxand­uva lokuqinise­kisa ukuba la madoda namakhosik­azi aqala ubomi ngokutsha ngendlela esemthethw­eni.

Ukuphumele­la ibanga leshumi beseluvale­lweni kubonakali­sa ukuba ngenene abo ngabantu abazimisel­eyo ngokutshin­tsha iimpilo zabo.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa