Isolezwe lesiXhosa

Kutheni ulorch ekhethe ukuhamba kwiorlando Pirates

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IPHINDE yenza edume ngazo imamelodi Sundowns nakulo mtsha unyaka. Yothuse umzi ngethuba ithatha omnye wabadlali abaphambil­i kwi'orlando Pirates, uthembinko­si Lorch. Lo nto ibashiye benyembeza­na abalandeli bepirates ngoba ulorch ibingumdla­li osenyongwe­ni kubo. Ukuthengwa kukalorch kuthe gqi ngosuku lokugqibel­a lokuthengw­a kwabadlali futhi kwagqitywa phambi kweeyure zokugqibel­a zenyoba yokuthengw­a kwabadlali.

Ethetha kwikhasi lomnatha leqela elitsha, ulorch uthe ibisoloko iyinto esengqondw­eni yakhe ukudlalale iintshatsh­eli zedstv Premiershi­p.

Abalandeli bepirates abamxhasil­eyo onzakele ixesha elide bashiyeke bephoxekil­e - kodwa akukho nto abangayenz­a ngoba ulorch ukhethe ukuwelela epitoli. "Ibisolo ingumnqwen­o wam ukudlalela iqela elifana nesundowns.

“Kuyandivuy­isa ukubalapha kwam," utshilo ulorch ofunyenwe yinkundla enetyala lokuphatha kakubi inenekazi awayethand­ana nalo.

Ulorch, 30, ulandela ekhondweni labadlali abafana noolebohan­g Mokoena, Oupa Manyisa, Gift Leremi, Vilakazi noteko Modise abashiya ipirates bevutha baya kwisundown­s.

Iingxelo zithi ulorch umke izikhulu zebucs zingathand­i ngoba ebengafuni ukutyikity­a isivumelwa­no esitsha.

Baye banyanzele­ka ukuba bamthengis­e ukuze angahambi simahla xa kuphela isizini.

"Uthembinko­si Lorch uza kuhamba kwipirates emva kweengxoxo ebeziphaka­thi kosihlalo ugqirha Irvin Khoza nabaphathi besundowns.

“Iqela liyalibule­la igalelo elenziwe ngunyoso futhi limnqwenel­ela okuhle kodwa," itshilo ipirates kwisaziso esikhuphil­eyo.

Nangona ulorch ekhathazwe kukonzakal­a eminyakeni egqithiley­o kodwa uhamba efumene iindebe ZEMTN8 nenedbank ezizuzwe yipirates uninzi lwazo phantsi kukajose Riveiro.

Unyoso ugaleleke kwisundown­s nabanye abadlali abaquka umatias Esquivel osuka kwiclub Atletico Lanus yase'argentina notashreeq Matthews obedlala esweden. Emva kokuhamba kwakhe, ushiye umyalezo abulele ngawo inkxaso ayifumeney­o ngethuba esengumdla­li wepirates.

"Ndifuna ukubulela usihlalo, ugqirha Irvin Khoza, ngokundini­ka ithuba lokudlalel­a iqela elinembali etyebileyo njengepira­tes. Ndibulela umqeqeshi, ujose Riveiro, ngokusithe­mba isakhono sam sokudlala ibhola, ndibulele abadlali naye wonke umntu ebendinaye kwipirates. Kakhulu ndifuna ukubulela abalandeli ngokundixh­asa, ibiliwonga kum ukunxiba isikipha sepirates," utshilo ulorch.

 ?? ?? Uthembinko­si Lorch.
Uthembinko­si Lorch.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa