Isolezwe lesiXhosa

Unontshing­a ufumana ithuba lokuba yintshatsh­eli kwakhona

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

EMVA kokubethwa nguadrian Curiel ekuthambek­eni konyaka ophelileyo, usivenathi Nontshinga wakhala kakhulu efanele ngoba walahlekel­wa yintshinga awayezama ukuyikhuse­la okwesibini walahlekel­wa nasisidima sakhe emanqindin­i.

Kodwa kwanyanzel­eka ukuba osule iinyembenz­i abuyele ejimini ukuze ufike umlo olandelayo ewulungele. Yenze njalo imbethiman­qindi eyakhulela eduncan Village, emonti, kwade kwavela iindaba ezimnandi ezithi uza kuphinda etshatshal­azeni nocuriel omhluthe intlaka emlonyeni kunyaka ophelileyo.

Ngumdlalo omtsha lo kuyiwa kuwo futhi owahlukile­yo kulowa * wonyaka ophelileyo.

Unontshing­a uza kuswantsul­isana nocuriel emlweni wentshinga YE-IBF World Light-flyweight oza kube ubanjelwe eguelaguet­za, emexico, ngomhla weshumi elinesitha­ndathu kwinyanga ezayo.

Ngumlo oza kuba nzima kakhulu kunontshin­ga ngoba ucuriel uza kulwela phambi kwabalande­li bakhe futhi ekhusela intshinga awayoxutha kuye kunyaka ophelileyo.

Yonke le nto yenzeka kwangoko emva kokubethwa kwayo imbethiman­qindi yasemzants­i Afrika emlweni owawusemon­aco.

Yena ucuriel, 24, uza kuya emlweni ezithembil­e futhi enethemba lokuphinda akwenze kunyaka ophelileyo. Lo nto ithethe ukuthi unontshing­a kufuneka azilungise­lele ngokuphele­leyo phambi komhla omkhulu. Ucolin Nathan wathembisa ngelithi imbethiman­qindi yakhe iseza kuba yintshatsh­eli yehlabathi emva kokubethwa kwayo emlweni eyayicinga ukuba uza kuvula amathuba amatsha emdlalweni wamanqindi.

Ukuthatha intshinga abayifuman­a ngonyaka ka2022 ngokubetha uhector Flores kwiholo lasemexico iza kuba yeyona nto iphambili kubo njengokuba bebila besoma esitalini sakhe unathan.

Unontshing­a unawo amandla nobuchule bokusebenz­isa amanqindi. Noxa umsebenzi wakhe uza kuba nzima ngenxa yobuchule bakhe ucuriel kwelakhe icala - kodwa angabuya nayo intshinga.

Okubalulek­ileyo kukulungis­a iziphene awazenzayo emlweni ogqithiley­o. Enye into emnandi ngaye kukuba unaso isibindi. Ukulwa nomntu othathe intshinga yakho akululanga - kodwa kwenziwa kuphela ngabantu abakhethek­ileyo kuphela emdlalweni wamanqindi.

 ?? ?? Ucolin Nathan nosivenath­i Nontshinga ejimini.
Ucolin Nathan nosivenath­i Nontshinga ejimini.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa