Isolezwe lesiXhosa

‘Yinto ekhethekil­eyo ukubetha imorocco’

-

AKAWUVALI umlomo uhugo Broos emva kokuba abafana Bafana bezuze impumelelo ebalulekil­eyo izolo. Umzantsi Afrika ungene ngevotsho kumjikelo olandelayo weafrican Cup of Nations emva kokuba ubethe imorocco ngamagowul­i amabini eqandeni emdlalweni obusesan-pedro.

Nangona imorocco ibibonwa njengeliny­e lamazwe anokuthath­a indebe kulo nyaka emva kokuqhuba kakuhle kwififa

World Cup ebiseqatar ngo2022 - kodwa yoyisiwe kukubetha umzantsi Afrika.

Umsebenzi owenziwe liqela lesizwe lebhola ekhatywayo uqhwatyelw­e izandla ngabantu abaninzi kumasi onxibelelw­ano.

Emva kokuba kuphele isiqingath­a sokuqala kungekho qela elikwazile­yo ukubhalisa ebhodini - izinto ziye zaguquka kwisigaba sesibini.

Abafana Bafana banyuse igiya bafumana igowuli elifakwe nguevidenc­e Makgopa kwangoko kwisigaba sesibini. Bazamile ukuhlasela abadlali bemorocco bekhangela igowuli lokulingan­isa.

Ifumene ipenela imorocco eyinike ithuba lokubuyela emdlalweni - kodwa ngelishwa layo, ibhola ibethe epalini yaqabela ngaphezulu. Umthobi Mvala nogrant Kekana bavale kwa nto emva koko sele ixesha liphela.

Igowuli lesibini lifakwe nguteboho Mokoena emva kokuba ewiswe phantsi kufuphi nomhlaba kanozinti. Ngalo ndlela, imorocco iye yaphuma kwiafcon eqhubekayo e-ivory Coast.

Umqeqeshi wabafana

Bafana uvakalise uchulumanc­o olukhulu watsho echaza ukubetha kwakhe imorocco okwesibini njengento ekhethekil­eyo kakhulu. "Andiqondi ukuba kufuneka ndinixelel­e indlela endonwabe ngayo. Ndichuluma­nce gqithi," utshilo ubroos emva komdlalo ethetha neentathel­i esan Pedro.

"Siyibethil­e imorocco. Ukuyibetha kwethu akukho ngokuba sisiya kumjikelo olandelayo weafcon. Ukubetha iqela elifana nemorocco yinto ekhethekil­eyo kakhulu. Besidlala neqela elisemgang­athweni ophezulu, qha sincedwe kukuzilung­iselela kakuhle. Umdlalo ububambene kwisigaba sokuqala ngoba amaqela ebesoyikan­a. Kwisigaba sesibini umdlalo uye wavuleka. Ndonwabe kakhulu," utshilo ubroos. Abafana Bafana baza kudibana necape Verde emdlalweni olandelayo ngomgqibel­o.

 ?? ?? Abadlali bomzantsi Afrika ibafana Bafana
Abadlali bomzantsi Afrika ibafana Bafana

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa