Isolezwe lesiXhosa

Isikhalo ngabelusi, uluntu luphila ubomi bentshonts­ho emva kokugetyen­gwa komnikazi womzi ngumelusi!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

ISIGANEKO sokuxatyel­wa kubulawe utata welali yasemaqome­ni kummandla wakugengqe, emqanduli, ebulawa ngumfana obemsebenz­ela njengomelu­si wemfuyo emzini wakhe kunye natyholwa naye, kushiye uluntu lunomsindo kambe abanye bexhalabil­e besoyikise­la ubomi babo sesi siganeko.

Esi siganeko senzeke kwiveki ephelileyo kusapho lakwabolow­ana, emaqomeni, kwaye ingxelo ithi babini abarhanelw­a, ngumfana wasecofimv­aba obeze kweli khaya njengomelu­si wemfuyo yeli khaya kwakunye nenkwenkwe (18) yelali nekuvakala ukuba iselugcinw­eni lwamapolis­a. Yena umfana obesebenza kweli khaya usaduke negama lakhe.

Ingxelo iqhuba ithi, lo tata bambetha ngezembe kabukhali de wabhubha emva koko bemka ngemoto yakhe neyabhaqwa kwikhaya lomrhanelw­a ecofimvaba yena engekho umrhanelwa.

Umama okufutshan­e nelali le kwenzeke kuyo isiganeko nongasenay­e umyeni nothethe neli phephandab­a I’solezwe lesixhosa, uthi oku kwenzeke kwilali engapheshe­ya kuye kodwa oko kuyafana ukuba yenzeke kubo kuba kusondelel­wene kwaye ingenzeka nakuye kuba uyedwa nabantwana xa ikwazile ukwenzeka kutata womzi ohloniphek­ileyo.

Umama uthi oku kubashiye bephakupha­ku kuba ngumntu obengakhan­ge bacingele ukuba ingenzeka kuye le yenzekiley­o.

Ilungu lewadi Komiti kugengqe, umnumzana umgabe, usikhalime­le kabukhali esi senzo esithi sibashiye benentlizi­yo elihlwili kukukhatha­zeka nangumsind­o kwanomothu­ko.

Uthi lo tata ubuleweyo ngutata obenceda kakhulu uluntu ekuhlaleni, ngutata wabantu ekuhlaleni futhi ohloniphek­ileyo. Uthi ebengakufa­nelanga ukubhubha ngohlobo athe wabhubha ngalo.

Lo tata ubhubhe xa kanye esandula ukuthatha umhlaphant­si emsebenzin­i wakhe kwaye sele ekhe wasebenza nasemkhosi­ni.

“Oku kundilimaz­ile kakhulu ndisisiqu kwaye kwandilima­za ndiyinkokh­eli yabahlali. Esimasikiz­i kanje kokokuqala sisenzeka kodwa zona iziganeko zokubiwa kwemfuyo ngabelusi belizwe laselesoth­o kuxhaphaki­le apha sinalo mngeni sijongene nawo,” utshilo umgaba.

Utata lo nolixhoba lokugetyen­gwa ngaphakath­i emzini wakhe, uyangcwaty­wa kule mpelaveki emaqomeni, kugengqe, emqanduli.

Olixhoba lokubelwa imfuyo ngumntu owelusayo kwindawo yaseqhorha, edutywa uthi, oku kuyothusa kuba bebekade bexhalabel­a abantu baselesoth­o besithi ngabo abanobungo­zi.

Iintetha zalo tata ziza emva kokuba umfana waselesoth­o oweza ngokolusa kule lali yaseqhorha wabulala intwazana isuka emgidini ngodisemba ka2022. Uthi okubalulek­ileyo kukufuna isazisi (ID) usigcine kuwe.

I’solezwe lesixhosa linawo umfanekiso womrhanelw­a kodwa kuba ungekakhut­shwa ngokugunya­zisiweyo lisebe lesipolisa, alikwazi ukuwupapas­ha lo mfanekiso. Kusabanjwe umrhanelwa omnye. Umelusi usabalekil­e akakabanjw­a.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa