Isolezwe lesiXhosa

Bakhululwe ngebheyile abarhanelw­a abalishumi kwityala lobuqhopho­lolo efort Hare

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

ABARHANELW­A abalishumi abaquka ababekade bengabaseb­enzi kunye nababonele­li ngeenkonzo banikwe ibheyile yer50 000 umntu ngamnye. Abarhanelw­a bavele kwinkundla kamantyi yasedikeni ebichotshe­lwe edimbaza ngolwesine, abanye abathathu bagcinwe eluvalelwe­ni de bavele kwakhona enkundleni.

Igunyabant­u lezotshuts­hiso (NPA) lithi ligqibe kwelokuba lingayicha­si ibheyile yabarhanel­wa abalishumi, kulandela izinto ezithe zavela kweli tyala.

Njengenxal­enye yemiqathan­go yebheyile, kulindelek­e ukuba baye kwizikhulu­lo zamapolisa ezikufuphi kubo ngoolwezit­hathu banikezele iipasi zabo kumcuphi.

Isithethi SENPA empuma

Koloni, uluxolo Tyali, uthe ukusukela ngolwesihl­anu, umbuso uzakuyicha­sa ibheyile yabarhanel­wa abathathu kwabalishu­mi elinesihla­nu.

Aba bathathu baquka lowo utyholwa ngokuba ngungqondo­ngqondo, uisaac Plaatjies, umhlobo wakhe, uterrence Joubert kunye nowayesaku­ba ngunogada womrepha ongasekhoy­o UAKA, uanwar Khan.

Abatyholwa kweli tyala batyholwa ngokwenza iyelenqe lokukhupha iikhontrak­thi zethenda ngobuqhoph­ololo, ukuze batyebise iipokoto zabo.

Le Yunivesith­i ihlawule imali engaphaya kwekhulu elinamashu­mi asixhenxe ezigidi zeerandi (R170 million), inkuntyula yemali ekutyholwa ukuba iye yangena kwiipokoth­o zabasebenz­i bale Yunivesith­i abatyholwa kweli tyala.

Ezi khontrakth­i zethenda ziza phambi kokudutyul­wa kwabaseben­zi abaphezulu kwiyunives­ithi yasefort Hare.

Uplaatjies ukwabekwa ityala nabanye abantu abalithoba, lokubulala umphathi wezithuthi kwiyunives­ithi yasefort Hare, upetrus Roets kunye nonogada kasekelang­qonyela usakhela Buhlungu, umboneli Vesele.

Bangamashu­mi amabini anesihlanu (25) abantu ababanjiwe­yo malunga namatyala aliqela, aquka ukubulala kunye nokuzama ukubulala, kule Yunivesith­i ukusukela kunyaka ophelileyo.

Abatyholwa bazakubuye­la enkundleni ngomhla wesithoba kucanzibe.

 ?? UMFANEKISO: UFH ?? Iyunivesit­hi yasefort Hare.
UMFANEKISO: UFH Iyunivesit­hi yasefort Hare.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa