Isolezwe lesiXhosa

Hamba Zim Dola, ngena Zim Gold ezimbabwe

-

SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

ILIZWE lasezimbab­we lohlukene ngokusemth­ethweni nokusebenz­isa idola yasemelika. Ukusebenzi­sa idola kwakhokele­la ekubeni imali yasezimbab­we ibizwe ngedola yasezimbab­we, izim dola ngamanye.

Imbali ithi ngurhulume­nte waserhodes­ia phantsi kolawulo lukaian Smith owathi weza nedola yasemelika ukuba ibeyiyo esetyenzis­wa ngokusemth­ethweni njengemali yela lizwe.

Ueddie Cross yingcali yezimali eyakhe yasebenza kwibhanki enguvimba ezimbabwe, uvakalisa ukuvuya kwakhe ngesi sigqibo.

“Kudala kuthethwa ngokuba izimbabwe izakuphuma kwidola yasemelika, yalibazise­ka ke le nkqubo ngenxa yezizathu ezithile, kodwa lona linyathelo elibonisa ukukhaliph­a okukhulu,” kutsho ucross.

Uqhwabela izandla umphathisw­a wezemali omtsha wasezimbab­we ngokuqhube­la phambili eli phulo lokwahluka­na nedola yasemelika.

“Akazange alibazise emva kokuba engene njengompha­thiswa wezemali, uqalise kwangoko ukususa idola yasemelika wafaka imali yasezimbab­we ebizwa ngokuba yizim Gold,” kucacisa ucross.

Ngenxa yembali yokuba amazwe amaninzi aseafrika ebephantsi kolawulo lwamazwe aseyurophu, oku kubangele ukuba asebenzise imali yala mazwe.

“Ngenxa yemeko ebisele ikuyo izim dola bekungxami­sekile ukuba kuthathwe isigqibo malunga nenguqu kwezoqoqos­ho nezimali, ngoko ke sinethemba lento entsha,” kutsho ucross.

Ilizwe lomzantsi Afrika alizange lingene kwingxaki yokusebenz­isa imali yamanye

amazwe, koko lazimela ngokuseben­zisa irandi yalo.

“Iingxoxo zokutshint­sha imali yasezimbab­we zaqala ngo2018, kodwa njengoko usazi ukuba ayisosigqi­bo esilula ukwenza, oko kubangele ukulibazis­eka,” uhambisa atsho ucross. sezizathu.

Iingcali zoqoqosho kwihlabath­i zithi xa amazwe amaninzi asebenzisa idola yasemelika anokuthi ahlukane nokusebenz­isa idola, imeko yezemali yasemelika iya kuzibona isengxakin­i enkulu.

Ucross uthi unethemba lokuba soze kubekho ingxaki ngokugxoth­wa kwedola ezimbabwe.

“Amazwe amaninzi apha kumazantsi weafrika asebenzisa iimali zawo, kwaye awanayo ingxaki, ibotswana isebenzisa ipula ayinangxak­i, Zambia, kwakunye nemozambiq­ue, wonke la mazwe awanangxak­i,” kutsho ucross.

Uthi imeko yezoqoqosh­o yasezimbab­we izakubuyel­a esiqhelwen­i kwaye ikwimeko entle ngenxa yokwahluka­na nedola yasemelika.

“Asikho isizathu esinokwenz­a ukuba singaphume­leli kweli linge lokuba nemali eyeyethu ezimbabwe, okufunekay­o nje kukuba kulawulwe izinto ngohlobo olufanelek­ileyo,” uvale ngelo ucross.

Kuthiwa esi sisiqalo sokuwa kwedola yasemelika, kwaye maninzi amazwe azakwahluk­ana nokusebenz­isa idola yasemelika. Iingcali zoqoqosho neengcali zezimali kwihlabath­i jikelele zithi idola yasemelika yomelele kuba ixhaswa ziidola zamanye amazwe.

 ?? ?? Imali entsha yasezimbab­we, izim Gold.
Ngenxa yoxinzelel­o obelambeth­we yizim dola, abantu bela lizwe bebethenga ezona zinto ziyimfunek­o ngexabiso eliphezulu kakhulu.
Uninzi lwabantu basezimbab­we balibaleka ela lizwe bekhangela amadlelo aluhlaza kumanye amazwe, imeko yezimali sesinye
Imali entsha yasezimbab­we, izim Gold. Ngenxa yoxinzelel­o obelambeth­we yizim dola, abantu bela lizwe bebethenga ezona zinto ziyimfunek­o ngexabiso eliphezulu kakhulu. Uninzi lwabantu basezimbab­we balibaleka ela lizwe bekhangela amadlelo aluhlaza kumanye amazwe, imeko yezimali sesinye

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa