Isolezwe lesiXhosa

Izimvo: Kuyingozi ukungavoti, mbomba - kodwa uvote!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

LO ngunyaka wolonyulo kwakhona emzantsi Afrika. Ngomhla wamashumi amabini anethoba kucanzibe, abemi beli lizwe baza kuthi bhazalala kwiindawo ngeendawo ekuza kube kuvotelwa kuzo. Amalungise­lelo sele ekwisigaba sokugqibel­a ngokutsho kwearhente ejongene nolonyulo ekuthiwa yi'independen­t Electoral Commision (IEC).

Okunika umdla ngolonyulo lwalo unyaka kukuba lungqabene ngqo nexesha ilizwe eliza kube libhiyozel­a ngalo amashumi amathathu eminyaka yentando yesininzi, le nto kuthiwa yidemokras­i.

Emzantsi Afrika kwavotelwa urhulument­e wesininzi ngabantu bonke ngomhla wamashumi amabini anesixhenx­e kutshazimp­uzi ngonyaka ka1994.

Emva koko kwabekwa utat' urholihlah­la Nelson Mandela njengomong­ameli wokuqala phantsi kwentando yesininzi emva kwamakhulu eminyaka abantu abamnyama becinezelw­e ngabantu abamhlophe ngabom.

Ukusukela ngaloo nyaka (1994), zininzi iinguqu ezenzekile­yo ukuza kuthi ga ngoku. Ezinye ziyaboneli­sa abantu, kanti ezinye azibonelis­i.

Bendidlula nje apho, mandibuyel­e kweyona nto endifuna ukuyibethe­lela ebantwini kweli binza lam elifutshan­e. Inde indlela esiyihambi­leyo phantsi kwentando yesininzi noxa eyethu idemokrasi iseneminya­ka embalwa xa ithelekisw­a namanye amazwe esimelene nawo kule Afrika yethu.

Ndazi kakuhle ukuba inkqubo yokuvota iya batyhafisa abantu abafuthany­iselwe ziingxaki. Abantu abangavoti­yo ngabantu abangalibo­niyo utshintsho ebomini babo nakwiindaw­o zabo.

Ngabantu abafuna ukusebenza kodwa abangafuma­ni mathuba.

Ngabantu abafuna ukuzenzela amashishin­i wabo kodwa abangafuma­ni nkxaso.

Ngabantu abangamaxh­oba ezikrelemn­qa nootsotsi kodwa abangazang­e babufumana ubulungisa. Ngabantu abanomdla wokusebenz­ela ilizwe labo kodwa abangqinit­ywayo xa kuvela amathuba ngabo baphetheyo. Eyona nto etyhafisa abantu kakhulu lulawulo oluhexayo.

Lona lenze kwangaqini ukwakhiwa kwezinto ezifana neendlela, inkqubo yezempilo, imfundo esemgangat­hweni nezinye izinto ezichaphaz­ela ubomi babantu imihla ngemihla.

Njengokuba siza kubhiyozel­a inkululeko nakulo unyaka, abanye abantu abayiboni into ebhiyozelw­ayo ngoba akukho phuhliso kwiindawo abahlala kuzo.

Nangona kunzima, ndifuna ukuthi kubo, mabambombe besiya ezitishini ngomhla wolonyulo ngoba ukungavoti kuyingozi futhi kulibuyise­la umva ilizwe. Inkqubo yedemokras­i yaphuka lula. Ifuna ukugadwa ngabantu belizwe ngoba ineengxaki zayo. Nokuba izinto ezimbi zingasithe­za amandla - kodwa asikwazi ukuliyeka ilizwe life.

Ilungelo lokuzikhet­hela urhulument­e lelinye lamalungel­o abalulekil­eyo esawanikwa ngumgaqosi­seko owapasiswa ngonyaka ka1996.

Ukuba awanelisek­i yindlela olawula ngayo umbutho olawulayo ngoku, votela ocinga ukuba uza kwenza le nto uyifunayo. Ukuba uyonelisek­a ngumbutho olawulayo, kufuneka ukubonise oko ngokuvota.

Njengokuba umntu evotela umbutho awuthanday­o, sinalo uxanduva lokuxoxa sivane ngezinto ezingasinc­eda ezifana nokonyula abantu abalithand­ayo ilizwe labo, abathanda inkqubela, abafuna ukusebenze­la ilizwe futhi bahlonele nemithetho yalo.

Ukwakha ilizwe ngumsebenz­i onzima kakhulu - kodwa othwalekay­o xa abantu bebambene futhi bethetha ngazwinye ngabakufun­ayo. Sinoxanduv­a lokushiyel­a abantwana bethu ilizwe eliphilile­yo neliza kwenza ubomi babo bunambithe­ke. Alingeke libekho ilizwe eliphilile­yo ukuba asivoti.

Asingeke siwafumane amathandaz­we anokusonyu­la engxakini esintywila kuyo ukuba asivoti. Njengokuba singenakul­awula sonke, umhla wolonyulo usinika uxanduva lokuqinise­kisa ukuba umzantsi Afrika ulawulwa ngabantu abaza kwenza izinto ezifunwa sithi. Vota ngomhla wolonyulo ngoba ukukhalala akuncedi nto.

Izimvo zezikapedr­o Mapelo. Azinanto yokwenza neziko leendaba alisebenze­layo.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa