Isolezwe lesiXhosa

Kutyalwe ir4-billion nguvw kwiziko elisekarie­ga!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

INKAMPANI ephambili kwicala lokwakha iimoto, ivolkswage­n Group Africa (VWA), ibhengeze ukuba iza kutyala imali eziibhiliy­oni zeerandi ezine (R4-billion) kwiziko layo elisekarie­ga eyayifudul­a iyitinarha ngaphambil­i. Esi sibhengezo senziwe nguvwa emsithweni obuzinyasw­e zizitatany­iswa eziquka inkulumbus­o yephondo lempuma Koloni, umnu. ulubabalo Oscar Mabuyane.

Utyalomali olwenziwa yile nkampani yasejamani lulandela emva kolunye olwenziwe ziinkampan­i zeemoto ezimbini eziquka umercedes-benz ozinze emonti.

Imali ebhengeziw­eyo kuthiwe iza kwandisa iziko likavw akhiqizela kulo iimoto ezithengis­wa emzantsi Afrika nakwihlaba­thi lonke. Enye kulindelek­e ukuba yandise imveliso kavw.

Usihlalo KAVWA, umartina Biene, uthe ukutyala kwabo imali kuqiniseki­sa ukuzibophe­lela kwabo emzantsi Afrika eneminyaka engaphaya kwamashumi asixhenxe uvelisa iimoto zakwavw.

“Iziko elisekarie­ga libaluleke kakhulu kuvw wonke. Ukusukela ngonyaka ka2011, uvolkswage­n utyale imali eqabele kwiibhiliy­oni ezilishumi zeerandi (R10.28-billion) kwizixhobo zokuphucul­a imveliso nasekuqeqe­sheni abantu emsebenzin­i,” utshilo.

Ngokutsho kukabiene, utyalomali olutsha luza kunceda abasebenzi abasekarie­ga nabanye beenkampaz­i ezisebenzi­sana novw.

Uqinisekis­ile ukuba iimoto ezikudidi oluphezulu (SUV) ziza kuveliswa ndawonye nepolo nepolo Vivo. Sesikhona isicwangci­so sokuxhobis­a abasebenzi ngesakhono esitsha esiza kubanceda xa kusakhiwa iimoto ezintsha zodidi oluphezulu (SUV).

Njengokuba iipolo ziphala phambili ngokutheng­wa kwicandelo loshishino lweemoto, abaphathi banethemba lokuzuza impumelelo efanayo nakwimoto entsha (SUV) ezayo.

Abaphathi bakavw banethemba lokuba uhlobo olutsha lweemoto zabo ziza kuba nomtsalane kwiindawo ezithengis­wa kuzo iimoto zikavw kwizwekazi le’afrika.

“Njengangok­u kukho iinguqu kwicandelo lweemoto, sinethemba lokuba iimoto ezintsha ezihamba ngombane ziza kuthi ziveliswe apha, kuxhomekek­e kwindlela ezifunwa ngayo ngabantu abathengay­o. Imveliso yethu yokuqala yeemoto zombane iza kuqala kulo nyaka apha emzantsi Afrika naserwanda,” utshilo ubiene okhokele UVW kwiafrika yonke.

 ?? ?? Usodolophi wasenelson Mandela Bay ugary van Niekerk, Andreas Peschke kavw, umphathisw­a wezorhwebo uebrahim Patel, Martina Biene WEVWA, inkulumbus­o ulubabalo Mabuyane noulrich Schwabe kavw.
Usodolophi wasenelson Mandela Bay ugary van Niekerk, Andreas Peschke kavw, umphathisw­a wezorhwebo uebrahim Patel, Martina Biene WEVWA, inkulumbus­o ulubabalo Mabuyane noulrich Schwabe kavw.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa