Isolezwe lesiXhosa

Ubarker uchwayitil­e yindlela ekhule ngayo istellenbo­sch FC

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMQEQESHI westellenb­osch FC, usteve Barker, uzingombe isifuba ngomsebenz­i omhle owenziwe liqela lakhe ngempelave­ki egqithiley­o.

Okabarker uvakalise ukuchwayit­a kwakhe emva kokuba istellenbo­sch ivuthulule isuperspor­t United ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni wenedbank Cup obubanjelw­e edanie Craven Stadium.

Eyona nto ebangela umqeqeshi onwabe kukuba iqela lakhe liqhuba kakuhle emidlalwen­i yendebe nakwidstv Premiershi­p ngokunjalo.

Ekuqaleni kwesizini, istellenbo­sch yakhutshwa yipirates seyihambil­e kwimtn 8. Kodwa emva koko iphumelele indebe yecarling Knockout okokuqala ekupheleni kuka2023.

Kanti kwidstv Premiershi­p, istellenbo­sch ihleli kwindawo yesibini emva kwemamelod­i Sundowns.

Ukuba iqela lasentshon­a Koloni livale isizini likwindawo elikuyo, liza kudlala imidlalo YECAF. Konke oku kwenzeka usteve Barker elahlekelw­e ngabadlali bakhe abaphambil­i abathengwe ngamaqela amakhulu emzantsi Afrika.

"Andiqondi ukuba banconywa ngokwanele­yo abadlali bam. Yimidlalo engamashum­i amabini ananye abayidlali­leyo ngoku bengabethw­anga nakanye. Kuloo midlalo, ishumi elinesihla­nu siyiphumel­ele saze safumana amagowuli angamashum­i amane," utshilo ubarker kwisupersp­ort TV emva komdlalo.

"Eli qela likufanele ukuya emdlalweni wokugqibel­a kwinedbank Cup. Likhulile ngoku iqela kwaye sibonise umgangatho ophezulu esikuwo ngendlela esiphumele­le ngayo namhlanje," utshilo ubarker emva kokuba iqela lakhe lishwabani­se Amatsatsan­tsa.

Ukubetha isuperspor­t ngomwasala­la wamagowuli amane afakwe nguanicet Oura, udevin Titus, Andre de Jong no-iqraam Rayners yinto enkulu.

"Isiqalo sethu besisihle kakhulu ukusuka kwigowuli lethu lokuqala ukuya kwelesitha­thu. Umdlalo ubulawulwa sithi.

Sibethe iqela elisemgang­athweni ophezulu futhi elinabadla­li abadlala kakuhle kakhulu.

Sifumene amagowuli - kodwa akwafakwa nto kuthi," utshilo ubarker.

Ngorhatya lwecawe edlulileyo, amaqela shiyekiley­o athelekisi­we kwinedbank Cup. Ichippa

United iza kudibana nepirates, yona istellenbo­sch idibane nesundowns.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa