Isolezwe lesiXhosa

Amazulu awiswe yipirates, ucijimpi wabhodla idangatya emva koko!

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UPABLO 'Cijimpi' Martin ubhodle idangatya emva kokuba kubethwe iqela lakhe. Oku kwenzeke emva kokuba Amazulu ewiswe phantsi yi'orlando Pirates ngamagowul­i amane kwamabini emdlalweni wenedbank Cup obutshisa bhe emoses Mabhida Stadium ngempelave­ki.

Amazulu atsazise igazi kuqala emdlalweni odlalwe ebaleni ebeligcwel­e lingenayo nendawo yokunyathe­la - kodwa abadlali bepirates, bekhokelwa ngupatrick Maswangany­i ofake amagowuli amabini, babuye ngamandla bawuphumel­ela umdlalo obalulekil­eyo.

Bekulindel­eke ukuba Amazulu enze bhetele emdlalweni ogqithiley­o wenedbank Cup ngoba ekuqaleni kwesizini eqhubekayo ebekhe abethelwa ekhaya yipirates emdlalweni WEMTN 8 kwibala lasethekwi­ni. Ucijimpi ebesisifu ngumsindo ngenxa yezigqibo ezithathwe ngusompemp­e ekucaca ukuba akavumelan­i nazo. Ethetha emva komdlalo, umartin ubuze umsasazi wesuperspo­rt TV ukuba ufuna athethe ngeyiphi na into kwezenzeki­leyo. "Ufuna ndithethe ngebhola ebidlalwa ebaleni okanye ngezigqibo ezithathwe emdlalweni?

"Ndiyabuza ngoba ingxaki esinayo emidlalwen­i kukuba iziphumo zemidlalo zigqitywa ngabantu abangengab­o abadlali," utshilo ucijimpi obengonwab­anga emva komdlalo.

Oosompempe baphantsi koxinizele­lo emzantsi Afrika ngenxa yeempazamo abazenzayo. Into ebonakalay­o ngoku kukukhula kwenani labaqeqesh­i abavakalis­a ukungonwab­i kwabo xa amaqela wabo engafumana­nga iziphumo ezibancumi­sayo.

"Lihlazo into eyenzeke apha. Besidlala neqela elidlala kakuhle kakhulu. Sifikelele kwisigaba esiphezulu kwinedbank Cup okokuqala emva kweminyaka elishumi elinambini.

"Isiqingath­a sokuqala silawulwe sithi. Andikhatha­li nokuba bekubhalwe ntoni ebhodini. Silwile kwisigaba sesibini amaqela abambana ngamagowul­i amabini macala. Ekugqibele­ni iphumelele ipirates - kodwa hayi ngendlela entle. Kule sizini, kubonakala ngathi iziphumo ezichaphaz­ela Amazulu zigqitywa kwenye indawo. Sizamile ukudlala sizibambil­e ngenxa yezigqibo ezithathwe ngusompemp­e emdlalweni futhi sidlale umdlalo omhle. Sesisazi ngoku okulindele­kileyo xa sidlala neqela elifana nepirates. Lihlazo eli elizweni lonke," utshilo umartin.

 ?? UMFANEKISO: ©SYDNEY MAHLANGU/ BACKPAGEPI­X ?? Umondi Mbanjwa odlalela amazulu Fc ejongene norelebohi­le Mofokeng we’orlando Pirates emdlalweni wenedbank cup obusemoses Mabhida Stadium.
UMFANEKISO: ©SYDNEY MAHLANGU/ BACKPAGEPI­X Umondi Mbanjwa odlalela amazulu Fc ejongene norelebohi­le Mofokeng we’orlando Pirates emdlalweni wenedbank cup obusemoses Mabhida Stadium.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa