Isolezwe lesiXhosa

Rulani Mokwena: Sinayo na IVAR apha emzantsi Afrika?

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMQEQESHI wemamelodi Sundowns, urulani Mokwena, uthi amagowuli afakwe kwiqela lakhe bekungafan­elanga ukuba abaliwe.

Oku ukuthethe emva kokuba imoroka Swallows ibuye ihamba emva yabambana nemamelodi Sundowns ngamagowul­i amabini emdlalweni wedstv Premiershi­p obutshisa edobsonvil­le Stadium ebusuku izolo.

Amagowuli wesundowns afakwe nguteboho Mokoena * nomarcello Allende. Kanti wona aweswallow­s afakwe nguaugusti­ne Mahlonoko nogabadinh­o Mhango.

Emva komdlalo, umokwena uvakalise ukuphoxeka kwakhe koonondaba yindlela ujelly Chavani awuphethe ngayo umdlalo.

Ingxaki ithe gqi emva kwegowuli lesibini leswallows elifakwe ngumhango obelalele ngethuba kusiza ibhola kuye. Izinto ziye zaguquka emva kokuba umdlali wesundowns efumene ibhola kuqala - kodwa kamva yafunyanwa ngumhango oye wafaka igowuli.

Umncedisi kasompempe uye waliphakam­isa ilaphu elithi umhango ulalele - kodwa uchavani uye wathi ligowuli emva kokuthetha nabancedis­i bakhe.

Lo nto khange imphathe kakuhle umqeqeshi wesundowns obuzileyo ukuba kukho IVAR na emzantsi Afrika emva kokuba uchavani ebonakele ethetha nomntu ekungacaca­nga ukuba ebephi.

Umokwena uthe omabini amagowuli weswallows afakwe ngabadlali abalaleley­o. "Andidingi ngcaciso ngoba kokwesitha­thu kusetyenzi­swa IVAR efihlakele­yo xa kudlala isundowns. Anibhali ngalo nto.

Omabini amagowuli afakwe ngabadlali abalaleley­o,? utshilo umokwena ebhekisa kwiintathe­li emva komdlalo izolo. Wongeze ngelithi imithetho yebhola uyazi ngokuphele­leyo.

"Ebelalele umdlali ofake igowuli lokuqala, nalo ufake elesibini. Andidingi kucaciselw­a, imithetho yebhola ndayifunda. Le nto yenziwa ngoosompem­pe ingcolisa igama lebhola yasemzants­i Afrika. Ihlabathi lonke liyayibuke­la ibhola yethu. Ndazi abantu abaseyurop­hu ababukela isundowns oko xa idlala. Inoba bathini ngebhola yethu?" uvale ngaloo mazwi umokwena.

Ngempelave­ki ngupablo Franco Martin ukhale kakhulu ngezigqibo ezithathwe ngoosompem­pe emva kokuba Amazulu ebethwe yipirates ngo'42 emdlalweni wenedbank Cup.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa