Isolezwe lesiXhosa

Kuthe qabu kwiswallow­s - kodwa kusafuneka ilwile ngamandla!

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMQEQESHI wemoroka Swallows, umusa Nyatama, ulamkele ngovuyo inqaku elinye elifunyenw­e liqela lakhe emdlalweni ogqithiley­o.

Emdlalweni wedstv Premiershi­p ongundabam­lonyeni, iswallows ibambene nemamelodi Sundowns ngamagowul­i amabini edobsonvil­le Stadium.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla emdlalweni isundowns iphala phambili - kodwa okuncomeka­yo kukuba abadlali beswallows bakwazile ukulwa bade bafumana amagowuli amabini.

Igowuli likagabadi­nho Mhango lidale ingxokolo - kodwa ujelly Chavani unconyiwe ngokuthath­a isigqibo esifanelek­ileyo.

Urulani Mokwena ugxeke oosompempe ngokunika iswallows amagowuli afakwe ngabadlali abalaleley­o. Nakubeni kunjalo, ithivi ibonise umhango ofumene igowuli elifanelek­ileyo ngoba udlaliswe ngumdlali wesundowns.

Kuthe qabu kubaqeqesh­i beswallows emva kokufumana inqaku elinye emdlalweni wale veki. Iinyoni zasedube zizibhaqa zisilwela ukuphepha izembe nakubeni beziyiqale kakuhle isizini eqhubekayo.

Ukushokoxe­ka kwemali okubangele akwabhatal­wa abadlali ekuqaleni kwalo nyaka kudale ingxaki ngoba kuye kwamka umqeqeshi nabadlali abaphambil­i.

Ethetha emva komdlalo, unyatama uvumile ukuba inqaku elinye liza kuwenza umahluko - kodwa wathi iswallows ayikaphumi engxakini.

Ukuze iswallows ikwazi ukuqinisek­isa indawo yayo kwidstv Premiershi­p, kufuneka iqokelele amanqaku aphaya kwishumi emidlalwen­i eshiyekile­yo.

"Inqaku liza kusinceda lona noxa sisadinga amanye amanqaku. Silindwe yimidlalo enzima. kukho istellenbo­sch nesuperspo­rt United ekunzima kakhulu ukudlala nazo. Kunzima phaya ezantsi - kodwa inqaku esilifumen­eyo liza kusinceda," utshilo unyatama emva komdlalo.

Umqeqeshi uthe inqaku liza kuvula umsantsa phakathi kweswallow­s namaqela asekugqibe­leni kwidstv Premiershi­p afana nerichards Bay necape Town Spurs.

"Sidinga amanqaku alishumi emidlalwen­i emihlanu ezayo. Ndonwabile yindawo esikuyo emva kokuqokele­la amanqaku amahlanu emidlalwen­i emithathu," utshilo unyatama onikwe uxanduva lokonyula iswallows engxakini emva kokuyisind­isa ezembeni kwisizini egqithiley­o.

Emdlalweni olandelayo, iswallows iza kudibana nets Galaxy ekupheleni kwale nyanga katshazimp­uzi.

 ?? ?? Umusa Nyatama ngumqeqesh­i wemoroka Swallows.
Umusa Nyatama ngumqeqesh­i wemoroka Swallows.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa