Isolezwe lesiXhosa

Amakhosi azimisele ukuvuka ngerichard­s Bay esokolayo!

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

EMVA kokuphumla iveki yonke, Amakhosi aza kudibana nerichards Bay emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kutaka iintlantsi eking Zwelithini Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngecawe.

Omabini amaqela aya emdlalweni wangempela­veki enxanelwe amanqaku apheleleyo ngoba afuna ukunyukela kwiindawo ezibhetele.

Iphantsi koxinizele­lo ikaizer Chiefs emva kokubethwa yichippa United ngo'20 kutshanje emonti kwaye kunyanzele­kile iyiphumele­le yonke imidlalo eshiyekile­yo ukuze ifumane indawo ebhetele xa kusongwa isizini.

Amakhosi azibhaqa ehleli kwindawo yesibhozo kwidstv Premiershi­p futhi esecicini lokukhuuts­hwa kwitop 8. Mnye kuphela umdlalo ophunyelel­we yichiefs kulo nyaka phantsi kukacavin Johnson.

Lo nto yenzeka kukho isingqala sabalandel­i esibangelw­a kukunqaba kweendebe kwichiefs eyazigqibe­la kwiminyaka elishumi eyagqithay­o.

Umdlali odlala esiswini, usiyethemb­a Sithebe, uvumile ukuba iziphumo ezibi zinciphisa amathuba wechiefs okufumana indawo kwitop 8 xa kusongwa isizini.

"Kufuneka sinyuse iikawusi singabadla­li ukuze sikwazi ukuphumele­la imidlalo eshiyekile­yo. Ukuba uyiqwalase­le imidlalo egqithiley­o, sikwazile ukudala amathuba - kodwa asikwazang­a ukufaka ibhola emnatheni," utshilo usithebe okhe wafumana amathuba okudlala aliqela kwiiveki ezigqithil­eyo.

Usithebe, 31, uthi usenalo ithemba lokuba ichiefs ingayifuma­na indawo kwitop 8 futhi ibuyele nakwicaf. "Sizimisele ukufumana indawo phakathi kwamaqela aphambili xa kuphela isizini futhi sifuna ukudlala imidlalo YECAF kwisizini ezayo," utshilo usithebe.

Emva kokuzuza impumelelo kutshanje, uvusumuzi Vilakazi uxelele oonondaba ukuba eberhalela ukuba irichards Bay idlale nechiefs emva kokubethwa kwayo yichippa United ingekakele­mi.

Njengokuba isizini ikekela, ukaizer Motaung Jnr, uvakalise ukungonwab­i kwakhe yinto eyenzeka kwichiefs - kodwa wathembisa ngelithi balungisel­ela isizini ezayo ekhusini.

Amakhosi akhangela umqeqeshi omtsha. Sele eqinisekis­ile ukuba ujohnson uza kuphindela kwicandelo lophuhliso. Kodwa akukacaci ukuba ngubani oza kuqeqesha ichiefs.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa