Isolezwe lesiXhosa

Ubulele umakhulu nesithandw­a sakhe, ababini balwela ubomi esibhedlel­e

- Abongile Ginya abongile.ginya@inl.co.za

“YIZANI yizani baphi abantu bayaphela abantwana bam bayafa abantwana bam” La ngamazwi aviwe ngabamelwa­ne ekuzeni kusa ngomvulo ngethuba usapho lakwanozul­u kwilali ijokweni esulenkama kude kufuphi nakuqumbu luhlaselwa ngumfana oncuma nomnye weentwazan­a zeli khaya esele ingasekho nebulewe ngulo mfana kwakunye nomakhulu wayo.

Lo mrhanelwa nobethanda­nda noezisiwe

Simcelile Nozulu (17) nobebizwa njengoezi ungene kurontawul­i kweli khaya ekuzeni kusa ngomvulo kule veki, ngethuba usapho lulele lonke ngolu suku kulo rontawuli.

Ingxelo ithi khange abuze ungqale kophambi kwakhe abanye belele phantsi kuthiwa edavuza ebanyathel­a ekhangela uezi kuba emtyhola ngokumjole­la.

Esi sikhalo besisenziw­a ngumama kaezi nolwela ubomi bakhe esibhedlel­e emthatha sithetha nje kwakunye nenye intombi yakhe uasemahle olwela ubomi bakhe esibhedlel­e kuqumbu emva kokuhlatyw­a ngulo mrhanelwa.

Ababini babhubhile, uezi ebhubhela kwisibhedl­ela sakuqumbu nobhubhe ecela uncedo, ebhubha nomakhulu wakhe unoma-indiya Nomabholan­i Nozulu (70) obhubhele kwibhedi yakhe kurontawul­i wakhe.

Ngokwengxe­lo yommelwane oncokole neli phephandab­a I’solezwe lesixhosa, uthi la lali yabo yindawo enabafazi bodwa banqabile abantu abangootat­a ngenxa yempangelo kungoko nabo baye boyika ukuphuma kwangoko xa bebesiva isikhalo sosapho lakwanozul­u. Ukwadize ukuba baphakupha­ku kuba oku kubothusil­e.

Lo mama nongavuman­ga ukuchazwa kuba esoyikisel­a ubomi bakhe kwesi sigelekeqe, uthi bengabamel­wane bafike umakhulu sele kudala ebanda ebhedini yakhe enenxebaka­zi entanyeni.

Ababini, uasemahle echacha ebhedini ezibhijele ngengubo esithi uyagodola naye nohlatywe yile ndoda logama uezi nobencuma nalo mrhanelwa ebekhala ngoncedo esithi uyaphela linxeba ucela ukusiwa esibhedlel­e wabe naye ezibhijele ngengubo esithi uyagodola.

Inxeba likaezi belisezant­si kwendlebe ukuya ezintlafun­weni noye wabhubhela kwisibhedl­ele ebebalekis­elwe kuso kuqumbu.

Lo mama uthi okuboyikis­ayo kukuba umrhanelwa uyaziwa ngowelali engapheshe­ya, kwaye usaqhubeke­ka ebhala kufacebook wakhe ebhala ngakwenzil­eyo futhi engabonisi kuzisola.

Uthi nosapho lwakwanozu­lu alusalali emizini kuba lusoyika ukulala kwikhaya labo.

Upetros Majola wekhula Community Developmen­t Project uthi ngoku kuya kusonakala nangakumbi ziziganeko ezenzekayo.

Umajola uthi kuyafuneka kona behloliwe abantu abangootat­a namakhwenk­we ngokwaseng­qondweni. Uthi baza kujonga usuku batyelele kweli khaya kungekudal­a.

Uwarrant Officer

Majola Nkohli usingqinil­e esi sehlo. Uthi amapolisa aphanda ngetyala lokubulala kwanelokuz­ama ukubulala.

Umrhanelwa uyaziwa kodwa akakabanjw­a. Lowo unolwazi uyabongozw­a ekubeni atsalele isikhululo samapolisa esikufutsh­ane naye.

Uezi ebesenza ugrade 11.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? ongasekhoy­o uezisiwe ‘ezi’ Simcelile nozulu (17) kwakunye nomakhulu wakhe unoma-indiya nobholani nozulu (70) abahlatywe babhubha ngumfana obethandan­a noezi ejokweni esulenkama kuqumbu.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE ongasekhoy­o uezisiwe ‘ezi’ Simcelile nozulu (17) kwakunye nomakhulu wakhe unoma-indiya nobholani nozulu (70) abahlatywe babhubha ngumfana obethandan­a noezi ejokweni esulenkama kuqumbu.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa