Isolezwe lesiXhosa

Obambe intshinga kamiss Unolali Queen ugqwese kwizifundo zakhe

- UMBHALI WETHU

INZALELWAN­E yaseqonce, ngoku ehlala exesi, uelethu Saki oneminyaka eli16 ubudala uwathathel­e ingqalelo amazwi enqununu yakhe umnu. Rala athi, “ulwazi lususa uloyiko,” njengoko ephumelele kwizifundo zakhe, efumane izatifiket­hi zokugqwesa ezithandat­hu kwizifundo ezisixhenx­e ngelixa ebambe intshinga kamiss Unolali Queen.

Isikhokelo esixabisek­ileyo nenkxaso evela kootitshal­a bakhe besikolo samabanga aphakamile­yo ikama, kuquka unksz. Sodlulashe, unksz. Cakucaku, unksz. Masiza, unksz. Machava, umnu. Manxiwa, unksz. Madikane, umnu. Rala, unksz. Mhinana, umnu. Solwandle, unksz.

Nkonyakazi nomnu. Saki, ukhuthaze ukukhula kwakhe njengomfun­di nenkokeli yoluntu.

Uelethu ngumzekelo oqaqambile­yo wento enokufezwa ngokuseben­za nzima, ukuzimisel­a, kunye nomnqweno wokwenza impembelel­o entle.

Nanjengoko uelethu eqhubeleka nezifundo zakhe njengomfun­di webanga leshumi, sele ezenzela igama elihle njengomzek­elo kumagqiyaz­ana, ebonisa ukuba nantoni na ingenzeka ukuba umntu uzimisele ukuqhubela phambili, agxothe uloyiko ngolwazi,

amkele nenkxaso kwabo babangqong­ileyo.

Njengomiss Unolali Queen, uelethu sisibane sethemba nenkuthazo kumagqiyaz­ana aseqonce nangaphaya. Ububungqin­a obuphilayo bokuba ulwazi, ukusebenza nzima, kunye nenkxaso yoluntu kunokuguqu­la amaphupha abe yinyani, kunye noloyiko lube ngamathuba.

Ngokwamkel­a inkxaso yootitshal­a bakhe, izihlobo, kunye nosapho, ujike uloyiko lwakhe lube sisibaso kumabhongo akhe, namaphupha akhe aba yimpumelel­o ebonakalay­o.

Njengoko eqhubeka nokuvula indlela yokuba amanye amagqiyaza­na alandele ekhondweni lakhe, uelethu uye waba ngummeli wokugqwesa ezifundwen­i, ubunkokeli boluntu, kunye nokukhula komntu.

Uelethu uphila ngamazwi akhe akhuthazay­o, “Kholelwa emaphuphen­i akho, amabhongo akho, iinjongo zakho mazibe kukukhanya kobomi bakho,” utshilo uelethu.

Ngokuphila ngokwentet­ho yakhe, uelethu akakhanyis­anga nje indlela eya empumelelw­eni yakhe kodwa ukhanyisel­e nabanye ukuba balandele.

“Uhambo lwam olusuka eqonce ndisingise exesi lube bubungqina nokuzimise­la kum njengoko ndibonakal­ise isakhono sam sokujamela­na nemingeni, ukukwazi ukuziqhela­nisa notshintsh­o, nokugqwesa kwizifundo zam nakwindima yam njengomiss Nolali Queen,” utshilo.

Njengomfun­di webanga leshumi, uelethu unethemba lokukhutha­za abanye, ingakumbi abasetyhin­i abasebatsh­a, ukuba bafezekise amaphupha abo kwaye bafezekise isakhono sabo esiphelele­yo, nokuba zithini na iimeko zabo.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Uelethu Sakhi ephethe izatifiket­hi zakhe zokugqwesa engqongwe ngootishal­a bakhe.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Uelethu Sakhi ephethe izatifiket­hi zakhe zokugqwesa engqongwe ngootishal­a bakhe.
 ?? ?? Uelethu ngumiss Unolali Queen 2023/2024.
Uelethu ngumiss Unolali Queen 2023/2024.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa