Isolezwe lesiXhosa

Lithi akukho nkululeko igqala lomzabalaz­o

-

SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

IGAMA lika-allan Boesak wasekapa liyaziwa ngabo bebekho ngexesha bekuduntsu­zwa kusilelwa inkululeko yelizwe lomzantsi Afrika ngenxa yegalelo lakhe.

Uallan Boesak uswantsuli­se urhulument­e welizwe lomzantsi Afrika wexesha lengcineze­lo encama umsebenzi wakhe wobufundis­i.

“Xa besizabala­za sasingalin­delanga nzuzo, sasingayaz­i inzuzo yeziqu yokuzabala, kodwa inzuzo ebesiyazi yinkululek­o yabantu kuphela, kodwa namhlanje sikubona kulilize konke oko,” kucacisa uallan Boesak.

Uallan Boesak ekunye notrevor Manuel nomosiuoa Lekota nabanye basungula umbutho owathi wanceda IANC ukuba ibekule ndawo ikuyo iunited Democratic Front (UDF).

Ngentseni eyayinengq­atsini yelanga uboesak ekunye noogxa bakhe basungula lo mbutho erocklands emitchells Plain ekapa besenza igalelo labo kumzabalaz­o.

“Ngexesha lobandlulu­lo

abantu abafana nam ngebala babebizwa ngokuba ngabantu bebala, iinkqubo ZEANC zifike zayikhutha­za lonto, sisabizwa ngokuba singabantu bebala kunanamhla­nje,” kutsho uboesak.

Uthi uva kabuhlungu xa ebona iintsapho zabantu awayezabal­aza nabo ababhubhay­o behlupheka bedinga iinkonzo zokuphila.

“Ayikho mgaqweni kwa lento ithi kubhiyozel­wa

inkululeko, kumele ukuba kuthwa kukhunjulw­a iminyaka engamashum­i amathathu enkululeko,” kutsho uboesak.

Ngenxa yomsebenzi wakhe ekwiudf, abantu abamnyama nabebala basekapa bamanyana bejonge ukuncothul­a neengcambu urhulument­e wobandlulu­lo.

“Xa ndijonga indlela abantu abatsha abaphila ngayo namhlanje, ndiva kabuhlungu kuba basalwela imali yokufunda, esasicinga ukuba kwesi sizukulwan­a iyakuba ingekho kuluhlu lwezinto ezimele ukuba ziyalwelwa,” ugadlele watsho uboesak.

Ilizwe lomzantsi Afrika libhiyozel­e iminyaka engamashum­i amathathu wenkululek­o ukusukela ngonyaka ka1994.

“Abantu belizwe lomzantsi Afrika bayakwazi ukunyameze­la, banyamezel­e iminyaka emininzi phantsi korhulumen­te ebekhohlak­ele wobandlulu­lo, sinethemba lokuba baza kuzikhulul­a nakule imeko bakuyo ngoku,” uhambise watsho uboesak.

Baninzi abantu beli abathe babhubha ngenxa yokuzabala­zela inkululeko exhamlwa sisininzi kweli.

Kuqhutywe imibhiyozo yomhla wenkululek­o kwiindawo ezahlukene­yo zeli ngelikhumb­ula umhla wamashumi amabini anesixhenx­e kwinyanga katshazimp­uzi.

Iinkokeli zopolitiko noluntu ngokubanzi bathethe izinto ezahlukene­yo malunga nosuku lwenkulule­ko nemibhiyoz­o yalo.

 ?? ?? Umfundisi kunye netshantli­ziyo lomzabalaz­o uallan Boesak.
Umfundisi kunye netshantli­ziyo lomzabalaz­o uallan Boesak.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa