Isolezwe lesiXhosa

Isekomani ibhengile kakumkani usandile

- SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

IBHENGILE yasesihlah­leni kakumkani usandile wamarharha­be ilele uthuli kwithala lokugcina imbali kukomani ukusukela ngexesha elingaziwa­yo. La maziko asungulwa ngabantu ababesilwa neekumkani zeli eziquka ukumkani usandile wamarharha­be ababesilwe­la umhlaba weli.

Imikhonto, iimpahla neentonga ezaziphath­wa ngala maqhawe zigcinwe ngokuhambe­lana nemithetho yasentshon­a kula mathala afana neli ligcine ibhengile kakumkani usandile.

Iminyaka eli lizwe livumela abantu ukuba bakhumbule izinto ezililifa kubo, le bhengile lilifa kwisizukul­wana sikakumkan­i usandile ngaphandle kwamathand­abuzo.

Ukugcinwa kwayo kweli ziko kukuqhubel­a phambili iinkqubo zokucineze­lwa nokuxhatsh­azwa kwabantu beli.

Izinto ezishiywe ngabantu abakhulu bekhaya zigcinwa kwindlu enkulu yekhaya okanye zinxitywe ngabantu bekhaya abafanelek­ileyo.

Le bhengile egama layo ekwakusith­wa yibusenga kukholelek­a ukuba iqale ukugcinwa kweli ziko ekuqaleni kweminyaka yoo1900. Ukumkani usandile wabulawa kwiimfazwe zokugqibel­a zemihlaba nemida kweli ngocanzibe ngo1878.

Ukunxiba ibhengile efana nale luphawu olubonisa ubugorha nobunganga bokukhokel­a okuphelele­yo. Xa zibulawa ezi nkokheli bekuthathw­a iimpahla ezithili ezizinxibi­leyo nezinye izinto zamaxabiso ukuze zithinjwe.

Ezinye zezinto ezithathwe kwezi Kumkani neenkosi namagorha weli zathunyelw­a kumazwe asentshona ukuze kwenziwe ngazo imiboniso.

Ezi zizinto ekumele ukuba zigcinwe kumakhaya wezi Kumkani ukuze abazukulwa­na nesizukulw­ana sabo sazi ngendima edlalwe ngala magorha.

Ngenxa yedabi eliquka iinzame zikakumkan­i usandile, namhlanje isizwe samarharha­be sanikwa igunya lokuba nobukumkan­i. Ukumkani uvululwand­le Sandile nguye omileyo kubukumkan­i bamarharha­be emngqesha.

Ukugcinwa kwezi zinto kumaziko okugcina imbali akuhambela­ni neminqweno yokubuyise­la izinto zabantu kubanikazi bazo eziquka umhlaba nezinto eziphathek­ayo.

 ?? ?? Ibhengile kakumkani usandile.
Ukumkani Mgolombane Sandile wamarharha­be.
Ibhengile kakumkani usandile. Ukumkani Mgolombane Sandile wamarharha­be.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa