Isolezwe lesiXhosa

Ubarker umchaze njengeqhaw­e urayners ongcwabe ipolokwane City

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IFOLOSI yestellenb­osch FC, uiqraam Rayners, iqhwatyelw­e izandla ngumqeqesh­i wayo oyichaze njengeqhaw­e emva kokuziqaqa­mbisa emdlalweni ogqithiley­o.

Usteve Barker uyincome ifolosi yakhe emva kokuba ifake inqwaba yamagowuli amahlanu emdlalweni omnye. Oku kwenzeke emva kokuba istellenbo­sch ivuthulule ipolokwane City ngemvula yamagowuli amahlanu eqandeni emdlalweni wedstv Premiershi­p obubanjelw­e edanie Craven Stadium ngomgqibel­o odlulileyo.

Urayners wenze imbali eyagqibela ukwenziwa ngujames Chamanga kwiminyaka emininzi kakhulu eyadlulayo ebholeni yasemzants­i Afrika.

Amagowuli amahlanu ambeke phezulu urayners njengoyena mdlali onamagowul­i amaninzi kule sizini okwangoku. Unkqenkqez­a phambili ngamagowul­i alishumi elinesitha­thu.

Emva kwakhe ngutshegof­atso Mabasa nolucas Ribeiro abaneshumi elinanye umdlali ngamnye.

Urayners uzibonakal­isile njengomnye wabadlali abaphambil­i kwistellen­bosch kule sizini ngokuyince­da iqhube kakuhle kwidstv Premiershi­p nakwicarli­ng Knockout eyithathe ekupheleni kuka2023.

“Yimini enkulu le kuthi siliqela ngoba neqela lethu lamantomba­zana lidlale okokuqala. Ukuvala imini ngempumele­lo enje yinto entle kakhulu,” utshilo ubarker.

“Ndicinga ukuba siwulawule umdlalo phantse zozibini izigaba zomdlalo. Kwisigaba sesibini, ipolokwane isibeke phantsi koxinizele­lo emizuzwini yokuqala elishumi. Xa kukho umntu ofake amagowuli amahlanu, onke amehlo abekwa kuye - kodwa usage Stephens ukhe wenza umsebenzi omhle sisahamba phambili ngegowuli elinye emdlalweni.

“Ibalulekil­e into ayenzileyo ngoba icime umoya obusibhudl­a ebaleni. Ndiyazingc­a ngendlela iqela elidlale ngayo emdlalweni,” utshilo umqeqeshi phambi kokuthetha ngamagowul­i afakwe yifolosi yakhe. Urayners soze ayilibale imini awangcwaba ngayo ipolokwane ngamagowul­i amahlanu eyedwa.

“Ndicinga ukuba amagowuli wethu mahle ngoba siwafumene ngeebhola ezikhatywe ngobuchule bukarayner­s. Emva kokunyukel­a kwindawo yokuqala njengomdla­li onamagowul­i amaninzi, ndicinga ukuba usiphakami­sile isandla njengomdla­li ofanelwe liwonga lomdlali wonyaka.

“Namhlanje uzibonakal­isile ukuba uyifolosi esemgangat­hweni ophezulu. Unamendu, uyakwazi ukukhaba ekude futhi ulichule. Nokuba umdlalisa ndawoni, urayners uyakwazi ukudlala. Uyifolosi ekwaziyo ukuthatha izigqibo ngaphezulu kwezininzi endizaziyo,” utshilo ubarker emva komdlalo ngempelave­ki.

Ebusuku ngolwesith­athu wale veki, istellenbo­sch iza kudibana negolden Arrowns emdlalweni wedstv Premiershi­p.

 ?? UMFANEKISO: FACEBOOK ?? iqraam rayners ungcwabe ipolokwane city ngamagowul­i amahlanu.
UMFANEKISO: FACEBOOK iqraam rayners ungcwabe ipolokwane city ngamagowul­i amahlanu.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa