Isolezwe lesiXhosa

Urulani uzityanda igila ngedowns emva kokukhutsh­wa kwichampio­ns League

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMQEQESHI wemamelodi Sundowns, urulani Mokwena, ushiyeke ephoxekile emva kokungaphu­meleli kweenzame zakhe zokuphakam­isa enye yeendebe ezinkulu eafrika.

Okamokwena uzityande igila koonondaba emva kokuba isundowns ibethwe yiesperanc­e de Tunis ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni WECAF Champions League obubanjelw­e eloftus Stadium ebusuku ngolwesihl­anu weveki ephelileyo.

Ngelishwa layo isundowns, yabethwa ngegowuli elinye nasemdlalw­eni wokuqala etunisia. Umokwena ulibeke kuye ityala lokubethwa kwesundown­s wavuma futhi ukuba wenze impazamo. Bekunyanze­lekile isundowns iphumelele ebaleni layo ukuze iye phambili.

Noxa idlale kakuhle emdlalweni ngolwesihl­anu - kodwa ayikwazang­a ukufumana igowuli okanye amagowuli abenokuyin­ceda ngoba iesperance ibivale onke amazibuko epitoli.

Okothuse abantu abaninzi kukuba umqeqeshi ukhethe ukuqala umdlalo ngaphandle kwabadlali bakhe abayingozi abaquka uthemba Zwane, Aubrey Modiba nothembink­osi Lorch.

Indawo yabo ibibonakal­a noxa iqela lasetunisi­a liyidlalel­e impumelelo yalo. “Ngelishwa, iziphumo zezona zikuxelayo ukuba wenze izigqibo ezilungile­yo okanye ezingalung­anga. Emva kokukhutsh­wa kwichampio­ns League, ndiyavuma andenzanga kakuhle,” utshilo umokwena emva komdlalo.

“Ngamanye amaxesha izinto zenzeka ngendlela oyifunayo, ngamanye amaxesha andikwazi ukufumana iziphumo ezidingeka­yo. Njengenkok­eli yeqela, andikwazi ukuzimela ke kuba sibethiwe,” utshilo umokwena obenethemb­a lokuphakam­isa indebe yechampion­s League kule sizini.

Uthe uzimisele ukuhlala kwisundown­s aqhubele phambili nomsebenzi wakhe - kodwa wakhumbuza abantu ukuba uneminyaka eyi37 qha futhi usekunyaka wakhe wokuqala njengomqeq­eshi wesundowns.

“Abantu basemzants­i Afrika bayalibala ukuba ndineminya­ka eyi37,” utshilo umokwena okhwele ezehlela kubalandel­i abaxhasa iqela kuba libatyisa ngobetway ekungcakaz­wa kuye.

“Ndikunyaka wam wokuqala njengomqeq­eshi wesundowns. Sesiphumel­ele iindebe eziquka inedbank Cup, MTN8 Cup neafrican Football League.

Ndiyazingc­a xa ndijonga okwenzekil­eyo kwisundown­s ngeli thuba endibe ngumqeqesh­i ngalo,” utshilo umokwena.

 ?? UMFANEKISO: ©MUZI NTOMBELA/BACKPAGEPI­X ?? Urhulani Mokwena ngumqeqesh­i wemamelodi Sundowns.
UMFANEKISO: ©MUZI NTOMBELA/BACKPAGEPI­X Urhulani Mokwena ngumqeqesh­i wemamelodi Sundowns.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa