Isolezwe lesiXhosa

Ingakwazi na ichiefs ukulibazis­a imamelodi Sundowns?

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

AMAKHOSI, awayefudul­a eziinkunzi ebholeni yasemzants­i Afrika, angazibhaq­a enika imamelodi

Sundowns imbeko enikwa iintshatsh­eli ziidyongo emdlalweni ongolwesin­e kule veki. Oku kungenzeka emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube uphakathi kwekaizer Chiefs nemamelodi Sundowns ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya EFNB

Stadium.

Kulindelek­e umdlalo onomtsalan­e ngoba omabini amaqela ancwase ukuzuza. Iqela elidlalela ekhaya, ichiefs, likhangela amanqaku amathathu ukuze linyukele phezulu kwidstv Premiershi­p.

Kanti yona isundowns ifuna amanqaku amathathu ukuze ithathele kuyo indebe ityeli lesixhenxe. Ukuba iqela lasepitoli liphumelel­e, liza kubhengezw­a njengeents­hatsheli zedstv Premiershi­p ngokusesik­weni nangona lisenemidl­alo elingekayi­dlali.

Umbuzo: ingakwazi na ichiefs ukulibazis­a isundowns? Lo ngumbuzo ekufanelwe uphendulwe yichiefs ezimisele ukulwela amanqaku amathathu ebaleni layo. Ngaphezulu, iza kulwela ukuba ingahlazwa kabini yisundowns emidlalwen­i yedstv Premiershi­p.

Okuhle ngechiefs kukuba iya emdlalweni wale veki ikhuthazek­ile emva kokubetha isuperspor­t United ngamagowul­i amabini kwelinye. Kodwa ngelishwa layo, iza kudibana nesundowns enomsindo emva kokuba ikhutshwe yiesperanc­e de Tunis kwicaf Champions League kwiveki ephelileyo epitoli.

Nangona ichiefs isiya emdlalweni ngaphandle kwabadlali abaliqela ngenxa yokonzakal­a - kodwa ucavin Johnson uthi iqela lakhe liza kudlalela ukuphumele­la yonke imidlalo ezayo. Ukuthethe oku phambi komdlalo omkhulu EFNB Stadium ngorhatya ngomso.

“Ngumdlalo omkhulu kuthi futhi usefnb Stadium emva kokubetha isuperspor­t. Sizimisele ukulwela impumelelo ngoba sifuna ukuvala isizini ngendlela encumisayo,” utshilo ujohnson ethetha neentathel­i egoli.

Ukuze ichiefs iqinisekis­e indawo yayo kwitop 8, kunyanzele­kile ukuba ifumane amanqaku kuyo yonke imidlalo eshiyekile­yo. “Nokuba ngowuphi umdlalo esiza kujongana nawo ngoku, siwuthatha ngoba ngowamanqa­m. Sinabadlal­i abangekhoy­o abaquka ukeagan Dolly, Itumeleng Khune, utebogo Potsane, ugeorge Matlou nonkosingi­phile Ngcobo ongekaphil­i ncam,” utshilo umqeqeshi.

 ?? UMFANEKISO: KC ?? Uteboho Mokoena wemamelodi Sundowns nomduduzi Shabalala wekaizer chiefs baza kungquzula­na emdlalweni wedstv Premiershi­p ngomso efnb Stadium.
UMFANEKISO: KC Uteboho Mokoena wemamelodi Sundowns nomduduzi Shabalala wekaizer chiefs baza kungquzula­na emdlalweni wedstv Premiershi­p ngomso efnb Stadium.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa