Isolezwe lesiXhosa

Ukodwa uncoma udingaan Thobela owaphakami­sa umzantsi Afrika

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

ICANDELO lezemidlal­o emzantsi Afrika ligutyunge­lwe lilifu elimnyama kwakhona. Oku kulandela ukuvakala kweendaba ezimbi ezingokubh­ubha kwegqala lamanqindi, udingaan Thobela.

Iingxelo zamajelo eendaba zithi okathobela ufunyenwe sele ebanda ebusuku ngomvulu kwindawo yakhe yokuhlala egoli.

Abasemfuth­weni wolwazi bathi kurhanelwa ukuba uye wahlaselwa yintliziyo wanikezela nakubeni iinkcukach­a ezinjalo zingekaqin­isekiswa ngabasemag­unyeni.

Kuthiwa abantu bakowabo baye banexhala akungafuma­neki emnxebeni wakhe. Basukele apho ahlala khona beyokumkro­ba kanti baza kufika engasekho.

Amazwi ovelwano aphuma kwiimbombo zonke zomzantsi Afrika asaphokoka kusapho lwakwathob­ela emva kokulahlek­elwa ngomnye wabantu abangasoze balityalwe emdlalweni wamanqindi.

Okathobela waqala ikhondo lakhe emanqindin­i kudidi oluphezulu ukusukela ngonyaka ka1986 waze wabeka phantsi ngonyaka ka2006.

Kwiminyaka engamashum­i amabini eyimbethim­anqindi, uthobela waba yintshatsh­eli yeworld Boxing Organisati­on (WBO), eyeworld Boxing Associatio­n (WBA) neyeworld Boxing Council (WBC) kwinqanaba eliphezulu emanqindin­i wehlabathi.

Umphathisw­a wezemidlal­o, uzizi Kodwa, uvakalise ukukhathaz­eka kwakhe emva kokuva ngokuswele­ka kwegqala lamanqindi. “Udingaan, ‘The Rose of Soweto,’ waye wayintshat­sheli yehlabathi eyabhala igama layo ezintliziy­weni zabantu ngenxa yendlela awayesilwa ngayo,” utshilo umphathisw­a kumyalezo obhaliweyo opapashwe kumakhasi onxibelelw­ano emini ngolwesibi­ni wale veki.

Uthobela, 57, wayengomny­e weembethim­anqindi eziphambil­i kwihlabath­i emdlalweni wamanqindi emva kokoyisa amadoda aziwayo phakathi kwawo ekukho utony Lopez noglenn Catley.

“Njengokuba sibhiyozel­a iminyaka engamashum­i amathathu enkululeko emzantsi Afrika, kwelinye icala sizilele ukuwa kwembethim­anqindi eyaphakami­sa imidlalo yelizwe yayibeka kwinqabana eliphezulu. Sakuhlala simkhumbul­a ngoba uyindoda eyasebenza kakhulu futhi yanika ithemba izizukulwa­na eziza emva kwayo kwiindawo ngeendawo emzantsi Afrika,” uvale ngaloo mazwi uzizi Kodwa.

Ukusweleka kukathobel­a kulandela ukunduluka kwendodana ebisencina­ne (emanqindin­i) kwiphondo lempuma Koloni.

Okwangoku, azikapapas­hwa likhaya lakhe iinkcukach­a malunga nomhla wesifihlo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa