Isolezwe lesiXhosa

Umlo ophakathi kukarulani nosead ungaphelel­a enkundleni

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMLO ophakathi kwabaqeqes­hi ababini kungenzeka uphelele enkundleni ukuba akukho ongena phakathi kwabo abanqande. Iqelal likasead Ramovic, ITS Galaxy, lithembisa ngokusa urulani Mokwena nemamelodi Sundowns enkundleni ukuba akaxolisi ezintsukwi­ni ezintathu ukusukela ngomhla womdlalo.

Emva kokuba isundowns ibethe ITS Galaxy ngo’3-0 emdlalweni wedstv Premiershi­p obubanjelw­e eloftus Stadium, urulani utyhole uramovic ngokukhuth­aza ukuba kukhatywe ubongani Zungu.

Ekuqaleni kwesizini esongwayo, ubernard Parker, wakhatywa wophuka shwaqa ithambo lomlenze nguzungu.

Kwathethwa kakhulu ngeso sehlo ngoba uzungu zange axolise okanye azisole emdlalweni nakubeni kuthiwa walicela uxolo kuparker ngomnxeba.

Emdlalweni obusekuqal­eni kwale veki, uparker udlale okokuqala ukusukela kunyaka ophelileyo.

Uzungu khange awugqibe umdlalo emva kokuba enyathelwe ngumdlali wets Galaxy, uorebotse Mongae, oye wanikwa ikhadi elibomvu ngusompemp­e.

Emva komdlalo, urulani uvakalise ukuphoxeka kwakhe ngento eyenzeke emdlalini wakhe athe yinto ebicwangci­siweyo. “Indishiye ndiphoxeki­le indlela akhatywe ngayo ubongani

Zungu. Ndivile ukuba umqeqeshi ubonise abadlali ividiyo kazungu esonzakali­sa uparker emva koko wathi bangayilib­ali into eyenziwa nguzungu,” utshilo umokwena emva komdlalo.

Ikhuphe ingxelo ebhaliweyo ITS Galaxy ethi urulani makaveze ubungqina besityholo asibeke usead Ramovic zingaphela­nga iintsuku ezintathu, kungenjalo, uza kuvulelwa ityala enkundleni.

“Okuthethwe ngumqeqesh­i wemamelodi Sundowns, Rulani Mokwena, akuyiphath­anga kakuhle ITS Galaxy. Utyhole umqeqeshi ngokuphemb­elela ukonzakali­swa kukabongan­i Zungu. Umokwena uthethe ubuxoki futhi into ayithethil­eyo ilihlazo ebholeni nakwiqela lakhe. Ukuba uqinisekil­e ngobuxoki bakhe, sicela aveze ubungqina bezityholo zakhe zingaphela­nga iiyure ezingamash­umi amabini anesine,” itshilo ingxelo.

Emva koko ITS Galaxy ithumele incwadi ebhaliweyo kwisundown­s ethi umokwena makarhoxis­e izinto azithethil­eyo esidlangal­aleni, kungenjalo, uza kujongana nengalo yomthetho.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa