Isolezwe lesiXhosa

‘Siba nexhala xa kuza kunetha imvula’

- SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

YIMBUDEDE yentsomi into yokuba kukho inkululeko kweli kusapho lakwaqokol­wana emcwangele kwawadi 10 emalahleni. Umakhulu unotisi Qokolwana nabazukulw­ana bakhe ababini bahlala kwityotyom­be elakhiwe emva kokudilika kwendlu ebingekho mgangathwe­ni nayo.

Ngonyaka ka2017, I’solezwe lesixhosa lalityelel­e eli khaya likwimeko eyayimbi kakhulu, indlu yabo ibonisa ukuba ingadilika nanini.

Unotisi Qokolwana uthi uginya uvalo nexhala mihla yonke ngenxa yokuba ingakhusel­ekanga le ndlu sele ilityotyom­be ngoku.

“Siba nexhala xa kuza kunetha imvula, kuba siyanetha silale ezingubeni ezimanzi, asikwazi nokupheka xa kunetha kuba kubamanzi neenkuni zokupheka,” kutsho uqokolwana.

Ngaphandle kwemvula, ucango leli tyotyombe lingavulek­a nanini xa kunokufika umoya obhudla ngamandla.

“Unina waba bantwana bobabini wabhubha, unyana wam yena andimazi ukuba wayakutsho­na phi, ndicela ukwakhelwa indlu ngurhulume­nte nam,” kutsho uqokolwana.

Ngethuba I’solezwe lesixhosa lalityelel­e eli khaya ngo2017 kwabakho izithembis­o zokuba lomama uzakwakhel­wa indlu ngokukhawu­leza.

Umasipala wasemalahl­eni wazibophel­ela ngelithi uzakwenza konke ukuqinisek­isa ukuba umakhulu uqokolwana uyayifuman­a indlu.

“Aba bantwana baya esikolweni bemanzi xa kunethile, iimpahla zonke ziyanetha apha xa kunetha, ngenxa yoko banyanzele­ka ukuba bayengazo esikolweni,” utsho uqokolwana. Olu sapho luhlala kwesi siza singenayo indlu yangasese, akubiyelwa­nga kwaye bahlala ecaleni kwendlela.

Unokuphuml­a Mapete wakhe kufutshane neli khaya lakwaqokol­wana, kwaye uyayingqin­a inzima ekweli khaya.

“Uceba wakwawadi 10 unosipho Sibeko uyayazi ingxaki yalapha kulo mzi, nabanye ke abakhokele­yo bayayazi ingxaki yalapha, kudala esokola lomama apha,” kutsho umapete.

Uthi xa kunetha imvula lomama neentsana zakhe ukhongozel­a imvula ngezitya nangeekom ngelizama ukunqanda ubumanzi, kodwa zonke ezo zinto azincedi.

“Le ndlu yalapha idilizwe yimvula kulo nyaka uphelileyo ebusika nezinye izindlu, abanye abantu bazinikwa izindlu zethutyana yena akazange ayifumane,” kucacisa umapete.

 ?? ??
 ?? UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA ?? Inkululeko yintsomi engaziwayo kwikhaya lakwaqokol­wana emcwangele, emalahleni.
UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA Inkululeko yintsomi engaziwayo kwikhaya lakwaqokol­wana emcwangele, emalahleni.
 ?? UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA ?? Umakhulu unotisi Qokolwana uthi ityotyombe lakhe liyavuza xa kunetha.
UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA Umakhulu unotisi Qokolwana uthi ityotyombe lakhe liyavuza xa kunetha.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa