Isolezwe lesiXhosa

Abazali emzantsi Afrika kusenzima ukuba bamkele abantwana babo abagay!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

NANGONA umzantsi Afika iselilizwe elihamba phambili ekukhusele­ni nasekulwel­eni abantu abathandan­a besini esinye nababizwa ngokuba ziigay, umcelimnge­ni usekhona kuba kusekho abazali kwanabahla­li abasakufum­anisa kunzima ukwamkela isimo sabantwana babo, nto leyo enza abantwana bazibone sele begaxeleka kwiziyobis­i kuba becima umvandedwa.

Oku kuvele ngethuba umphathisw­a wophuhliso loluntu empuma Koloni ubukiwe Fanta ebebambe ingxoxo kwakunye NABELGBTQI­A+ ngolwesibi­ni emonti ngeenjongo zokuva iingxaki abajamelen­e nazo ekuhlaleni kwanokuza nezisombul­ulo.

“Siza kuqhubekek­a sinikhusel­a, asililo ilizwe laseuganda elingahlon­iphi amalungelo oluntu. Ndingatsho ndithi siselelona lizwe lihlonipha­yo amalungelo kuba oku sakulelwa.

Sikwilizwe elikhulule­kileyo, elingenamk­hetha, elingenamb­ala kwaye elingena sini sitheni.

“Into esiyibona apha phandle yokubulawa kwabagay oko kukutsicel­a le nkululeko yethu kuba ubom nobomi bomntu bubaluleki­le. Kuyasixhal­abisa noku kokuba umntu asuke agqibe ngokubulal­a umntu kuba engathandi uhlobo aphila ngalo,” utshilo ufanta.

Umphathisw­a uqhube wathi amagosa kwakufunek­a eqinisekil­e ukubamba iimbizo ezilalini ngeenjongo zokufundis­a abazali NGELGBTQIA+ ukuze bakwazi xa umntwana efika ezibika emzalini amamkele kuba kusekho abazali abangazi KWANGELGBT­QIA+.

Ufanta utsho ezibophele­la esithi ngolo suku oonontlalo­ntle nabakwezob­ulungisa besiya ezilalini nasezikolw­eni xa beyokuqhub­a amaphulo abo uya kuba yinxalenye kuba kufuneka befundisiw­e abazali kwaye beyazile ukuze bamkeleke abantwana ekhayeni nasekuhlal­eni.

Uthi abantwana baphela beyindindi bengazazi kwaye bengafuni ukuphuma elubala kuba esoyika, omnye aphele esebenzisa iziyobisi kuba ecima ukucinga.

Ojongene namanina kwakunye namantomba­zana asematsha KWILGBTQIA+ Community unomatshay­ina Skepe, uchaze abakwenzay­o beyile ofisi, uthi banamaziko agciniweyo ukulungise­lela abo bagxothwe kumakhaya okanye ekuhlaleni kuba bengamkele­ki futhi bengamamel­eki naxa beneengxak­i. Uthi kudala babakhona abadalwe esi simo koko bezifihla kuba besoyikela ukuhlukuny­ezwa ekuhlaleni.

Uskepe uqhube wathi bayazibamb­a neendibano nasekuhlal­eni ukufundisa uluntu NGELGBTQIA+ ukuze uluntu kubelula ukwamkelek­a. Ukwathi bakwafundi­sa nabefundis­i ngeenjongo zokuba bamkeleke nasezicawe­ni njengoko kusekho abefundisi abangabamk­eliyo.

Ufanta ukwakhalim­ele isenzo sakutsha nje somfana obulelwe emdantsane kuba egay, esithi oko akuvumelek­anga kwaye akwamkelek­anga kule nkululeko ilizwe likuyo.

Ukwayalele uluntu kule ndibano ekubeni luhambe luyokuvota nge29 yale nyanga, nalapho athe zeluvotele IANC kuba sele kukho la malungelo nje kungenxa yayo. Uthi kukho abantu abancama ubomi babo

belwela la malungelo oluntu lunawo.

ABELGBTQIA+ abebezimas­e le ndibano bavakalisi­le izikhalo zabo kambe abanye bakhankany­a ukucinezel­wa kwabo, ukungamkel­eki abanye bekhalela amaziko abangenawo okufihla kuwo iintloko. Logama abanye bakhale ngale ndibano besithi abakhange balinikwe ixesha elaneleyo lokuvakali­sa abajongene nako.

Amanye amasebe esingawaba­lula ebekule ngxoxo lelezempil­o, lezobulung­isa, AIDS Foundation kwakunye neengo ezijongene nokulwela amalungelo oluntu.

Ngolwesine umhla wesithoba, ufanta uzakube enengxoxo kwakhona nabo bashishina ngokutheng­isa ngomzimba apho injongo ikwanye ikukusabel­a kwimingeni nokuza nezisombul­ulo.

 ?? UMFANEKISO: ABONGILE GINYA ?? Umphathisw­a wophuhliso loluntu empuma Koloni ubukiwe Fanta ethetha NABELGBTQI­A+ ngolwesibi­ni ebuffalo Club emonti.
UMFANEKISO: ABONGILE GINYA Umphathisw­a wophuhliso loluntu empuma Koloni ubukiwe Fanta ethetha NABELGBTQI­A+ ngolwesibi­ni ebuffalo Club emonti.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa