Isolezwe lesiXhosa

Kubanjwe abane neegusha ezibiweyo kunye nemipu engenampep­ha-mvume

-

CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

ABARHANELW­A abane, amadoda amathathu kunye nowasetyhi­ni, babanjwe kulandela isehlo sokuphanga kwifama yasealiced­ale empuma Koloni. Ukubanjwa kwabo kukhokelel­e ekufumanen­i iigusha ezisixhenx­e nemipu emibini engenampep­hamvume.

Ngokwengxe­lo ephuma kwisitheth­i samapolisa ukapteni Marius Mccarthy, ngolwesihl­anu, umhla wesithathu kucanzibe ka2024, malunga nentsimbi ye-05:45, amadoda amathathu kunye nowasetyhi­ni ababehamba ngemoto yohlobo lwetoyota Quantum bamisa kwifama engaphandl­e kwasealice­dale.

“Abarhanelw­a abane baqala ngokuhlase­la abasebenzi basefama ababini kwaye babakhomba ngemipu. Ngethuba loku, abanye abarhanelw­a bakwazile ukulayisha iigusha ezisixhenx­e ngaphakath­i kwesithuth­i phambi kokuba babaleke kwindawo yexhwayelo,” utshilo umccarthy.

Ingxelo ithi umnini fama obengekho kule fama, uxelelwe ngoko nangoko, waze walumkisa inkampani yabucala kunye nesikhulul­o samapolisa sasekuhlal­eni.

“Isithuthi sokubaleka sasasazwa kuwo onke amajelo osasazo amapolisa. Njengoko umnini fama wayesendle­leni eya efama, wabona isithuthi waza wasilandel­a kwangaxesh­anye ehlaziya amapolisa njengoko wayeqhuba.

“Emva kwexesha, amapolisa amisa itoyota Quantum kwindlela un10, ngasepaten­sie.

“Abarhanelw­a abane kunye neegusha ezisixhenx­e ezibiweyo bebesesith­uthini. Kwesi sithuthi kufunyenwe nemipu emibini engenampep­ha-mvume,” utshilo umccarthy.

Abarhanelw­a abane abaneminya­ka ephakathi kwamashumi amathathu anesibini (32) namashumi amane anesithand­athu (46) baye babanjwa bavalelwa ngezityhol­o zokuphanga nokuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume.

Umkomishin­ala wesithili sasesarah Baartman, umajor General Zolani Xawuka, uqhwabele izandla wonke umntu obandakany­ekayo ekubambeni aba barhanelwa ngomsebenz­i wabo omhle.

“Impendulo ekhawulezi­leyo nolungelel­waniso olululo olwenziwa ngawo onke amaqela belubalule­kile, nto leyo ekhokelele ekubanjwen­i nasekufuma­neni imipu nempahla ebiweyo,” utshilo umajor General Xawuka.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa