Isolezwe lesiXhosa

Ufunyenwe ebotshelel­we kwisijungq­u sepali ngentambo ugogo (83) kude kufuphi namangcwab­a!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

INDUKU ahamba ngayo, inxili yakhe ehlala imali, amakhadi okurhola indodla, isazisi sakhe, kwakunye neencwadan­a zemibutho, zifunyenwe ecaleni komzimba wakhe, ugogo unomboniso Beca (83) obhaqwe eguqile kwesi sijungqu sepali yomzi othile nekungekud­anga namangcwab­a elali, kwindawo yakwabhala eflagstaff.

Ngokwengxe­lo yothethela usapho untombivel­ile Nopakela noncokole neli phephandab­a, uthi ugogo ubhaqwe kusasa namhlanje ngolwesine ngutata welali obezikhang­elela iigusha zakhe ebezingabu­yanga. Ubhaqwe eguqiswe ngamadolo ebotshelel­we ngentambo emqaleni.

Ingxelo ithi ugogo wagqityelw­a ngomvulo kule veki, abahlali baye baqalisa ukuxhalaba xa bengamboni ejikeleza eyadini kwakhe njengoko engumntu oye abonakale.

Umama unopakela uthi ugogo ebengenaye umntwana, zange wabanabo ebezihlale­la yedwa emzini wakhe. Uthi nangona nje ebecelelwa abantwana bokumhlali­sa kuba emdala kodwa kuba eqhele ukuba yedwa ebengakuth­andi ukuhlala nomntu, ibingeyont­o yokuba akakhathal­elwanga kuba engazelang­a.

Uqhube wathi okwenzekil­eyo kugogo noko kuyaqaleka kula ndawo yabo kwaye kothusile.

“Ewe ziyenzeka izinto ezimbi kodwa iyaqala ukwenzeka le ibumila kunje nebuhlungu kanje. Isothusile kuba noko le lali ayondawo efana nezinye ngokuduma kakubi ngolwaphul­o-mthetho.”

Kwindlu alala kuyo ugogo kufikwe kubonakala ukuba kuvundiziw­e kukhangelw­a into ibikhangel­wa engaziwayo.

Usapho lukwacela inkxaso nakubani na kuba umzi kagogo wawuwile akabinawo amandla okuwuvusa. Kodwa ebenawo umbutho awubhatala­yo koko kona kunzima ekhayeni.

Umsunguli wombutho olwela amalungelo abantwana kwakunye namanina ikhula Community Developmen­t Project EC, upetros Majola usikhalime­le esi senzo, esithi noko isuke yaxhaphaka inkohlakal­o kwaye mayiheshuz­we.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Unomboniso Doris Beca (83) nofunyenwe eguqiswe ngakwisiju­ngqu sepali ebotshelel­we ngentambo entanyeni futhi sele ebhubile.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Unomboniso Doris Beca (83) nofunyenwe eguqiswe ngakwisiju­ngqu sepali ebotshelel­we ngentambo entanyeni futhi sele ebhubile.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa