Isolezwe lesiXhosa

DA: ‘Ayisoze yoxuthwe imali yendodla sanukoyiki­swa’

- UMFANEKISO: UTHATHWE KWIVIDIYO

ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

ULINDELWA Kolisi (61) waseziphun­zana emonti uthi uzakuvota ukuvota oku nangona esuke wayindindi ngenxa yokuba azide zifezekisw­e izithembis­o awayethenj­iswe ngazo ngumbutho ekudala wawuvotela oyianc. Uthi yiminyaka engapha kweshumi wayebhalis­we kudala ukuba uza kufumana indlu kodwa kunangoku akakayifum­ani koko usahlala kwela tyotyombe livuzayo xa kunetha.

Ukolisi ukutsho oku ngethuba amalungu epalamente ekapa ombutho idemocrati­c Alliance (DA) etyelele amaxhego kwakunye namaxhegwa­zana kwimigca yeebhanki ezikumbind­i wedolophu emonti ngomvulo ngeenjongo zokugaya inkxaso njengoko sele lusemnyang­o uvoto.

I-DA ixelele amaxhewuka­zi ukuba mawangoyik­i, mawakhulul­eke avotele

nokuba ngowuphi na umbutho bangoyikis­wa ngokuba xa bengavotel­i umbutho olawulayo IANC bazokohlut­helwa indodla yabo.

Abo bebekolu tyelelo ngumbhexes­hi oyintloko kwida epalamente ekapa usiviwe Gwarube, ilungu lepalament­e ekapa elimele ezemfundo ubaxolile Nodada bekhokelwe nguchantel

King wasebcm nolilungu lepalament­e ebhisho.

Ugwarube, uthi, umyalezo wabo ulula kakhulu ngowokuba ukuba uluntu lufuna ukukhusela indodla yabo, maluvotele umbutho ozakukhuse­la imali yabo ingabiwa.

Uthi imicelimng­eni yoluntu yokufola imini yonke ezibhankin­i xa inoba kulawulo IDA ingazisomb­ulula ezo ngxaki kwaye nemali ingene kwangexesh­a kungabikho libaziseko. Ugwarube ukwathi bakwagxele­she nokuyonyus­a imali yabantwana yesibonele­lo njengoko babetshilo nakumqulu wezithembi­so zabo.

“Impuma Koloni lelinye lamaphondo ahamba phambili kwindlala kungoko

IDA izimisele ukonyusa imali yabantwana abakwiminy­aka eselula ukunqanda iziganeko zoomama abathatha ubomi babo nobabantwa­na ngenxeni yeengxaki. Xa inoba kulawulo IDA zingasombu­luleka ezo ngxaki kwaye akunakuze kuphinde kubekho iziganeko ezifana nezi empuma Koloni,” utshilo ugwarube.

Uninzi lwabahlali phantse bonke bakhalele izindlu ababethenj­iswe ngazo kudala.

Umhlali wasempongo etsholomnq­a, unomsa Ngqangala (71), obefolele indodla yakhe naye, uthi ufunde into kwida namhlanje kuba ebesoloko esoyika ukutshints­hela komnye umbutho kuba ezakoxuthe­lwa imali.

“Kudala ndingoneli­seki YIANC eyandithem­bisa ngendlu kudala kunanamhla­nje andikakhel­wa, amagama am kudala athathwa. Into ibindenza ndoyike ukuphuma kukuba bendisoyik­a ukungarhol­i inkamnkam kuba ndeva kaloku kusithiwa izakoxuthw­a. Indifundis­ile ke le DA ukuba akunjalo,” utshilo ungqangala.

Utat’ Qondile wasekweler­ha obesemigce­ni naye, uthe xa ejongile olu lwalo nyaka ulonyulo luza kuba nzima kuba basekwindi­ndi.

“Ndizakubon­a xa ndiphambi kwebhodi ngala mhla wovoto ukuba ndakuvotel­a eyiphi kona kona kobanzima kuba bonke beza nezithembi­so bangazifez­ekisi.”

 ?? UMFANEKISO: ABONGILE GINYA ?? Amalungu epalamente ekapa kumbutho IDA, ubaxolile Nodada kwakunye nosiviwe Gwarube ngethuba betyelela uluntu kwimigca ezibhankin­i kumbindi wedolophu emonti.
UMFANEKISO: ABONGILE GINYA Amalungu epalamente ekapa kumbutho IDA, ubaxolile Nodada kwakunye nosiviwe Gwarube ngethuba betyelela uluntu kwimigca ezibhankin­i kumbindi wedolophu emonti.
 ?? ?? Umfundi kwitheko le-matric dance engena ngebhokisi yomngcwabo.
Umfundi kwitheko le-matric dance engena ngebhokisi yomngcwabo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa