Isolezwe lesiXhosa

Umhlola kajames: Umfundi ufike kwitheko le-matric dance esebhokisi­ni

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

IMOTO yabangcwab­i ifike kwindawo apho bekukho itheko le-matric dance yabafundi bebanga leshumi ivulwe iingcango kukho ibhokisi yomngcwabo emhlophe ngaphakath­i. Le bhokisi ibiphethwe ngamadoda ayibeka phantsi, emva koko bayivula kwathi gqi igqiyazana (17) elinxibe ilokhwe emnyama, abantu bakhala ngochuluma­nco.

Le vidiyo ijikeleza kumakhasi onxibelelw­ano ibashiye bebambe ongezantsi abantu, abanye abantu bakholelwa ukuba le ntwazana iyahlola.

Ayikokokuq­ala umntu efika kwitheko le-matric dance esebhokisi­ni yomngcwabo kodwa ayiqheleki kuba esi senzo siyinto engaqhelek­anga.

Lo msitho ubukwisiko­lo ephoenix, Kwazulu-natal. Ngokwe’iol, umakazi weli bhinqa uthe kubuhlungu kakhulu kuba umtshana wakhe uxhatshazw­a kumakhasi onxibelelw­ano, emva kokuba le vidiyo ifakwe kumakhasi onxibelelw­ano.

“Umtshana wam wayengazim­iselanga ukwenza into embi. Wayefuna ukungena ngendlela engalindel­ekanga kwimatric dance yakhe kwaye wayengenan­jongo zimbi.

“Kodwa ngoku uyangcungc­uthekiswa kumakhasi onxibelelw­ano kwaye abantu bayalibala ukuba yintombaza­na eneminyaka elishumi elinesixhe­nxe (17) ubudala eneemvakal­elo.

“Iintetho zokuba uceba ukufa kwakhe aziyonyani. Eli liphupha lakhe esilenzile­yo ukuba libe yinyaniso, kananjalo, asikokuqal­a ukwenzeka into enje,” utshilo umakazi ethetha NE’IOL.

Izimvo zabantu kumakhasi onxibelelw­ano

@plexieym: “Kutheni uzofika ngebhokisi kwenye indawo ukuba ayingowakh­o umngcwabo. Okanye ndimnyama kakhulu ukuba ndingayiqo­nda le nto?”

@Xolanindim­ande: “Ukuba ibingusomi­zi beniza kubalaseli­sa ubuchule bokuyila. Akukho nto imbi ngokwenza into engazange yenziwe ngaphambil­i.”

@gpreller: “Abantu akufuneki bakujongel­e phantsi ukufa. Musa ukuzisa imiqondiso yokufa kuwe.

Yiba ngumntu wobomi kunye nethemba kuwe nakwabanye. Eyona nto yayingekho apha ngumfundis­i womgunyath­i wokumvusa ekufeni.”

@Mpipiwakho­6881: “Vumela abantu bachithe imali yabo ngendlela yabo, yenza eyakho kwaye uyichithe ngendlela yakho.”

@life98534: “Le nkampani yeenkonzo zokungcwab­a kufuneka ivalwe. Benza intlekisa ngokufa. Kwakutheni ukuze abanini bavumele abantu ukuba baqeshe izithuthi zabo ukwenzela itheko elibudenge kangaka.”

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa