Isolezwe lesiXhosa

Utsala neenkabi emasimini uparkies

- UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

UTHOKOZILE Parkies (65) akavumi ukuthatha umhlala phantsi emva kokuba echithe iminyaka engamashum­i amabini engumfundi­si ntsapho, ulima akayeki kwifama imazanow Carlton edordrecht.

Kumhlaba ozihektare ezingamakh­ulu alithoba anamashumi amathutha, uparkies uvelisa umbona obomvu engenisa imali.

“Eli gama lithi ‘lima’ xa ulijika lithi ‘mali,’ ngoko ke ndikhuthaz­aka kakhulu abantu bakuthi ukuba bakubone ukubalulek­a kokulima,” kutsho uparkies. Le fama inikezelwe kusapho lakwaparki­es ngonyaka ka2015 ngoncedo lukarhulum­ente welizwe lomzantsi Afrika.

“Ndiyeke ukusebenza njengotits­halakazi ngonyaka ka2016 ndaza kuncedisa umyeni, waza ngelishwa wasishiya ngo2017, ndisaqhuba ke ngaphandle kwengxaki,” uhambisa atsho uparkies.

Uparkies usebenze njengotits­halakazi kwisikolo itharaboll­o High School epalm Springs. “Ngenxa yembalela nezinye iingxaki zolimo, kulo nyaka ndilime umhlaba ozihektare ezingamash­umi amathathu anesibini kuphela,” kutsho uparkies.

Akavumanga ukuthityaz­wa yimbalela ehlasele amafama amaninzi kweli lempuma Koloni nakumzants­i Afrika.

“Ndiqalile ukuvuna, ndiqala phambi kwexesha ngenxa yokubaleka iingxaki ezininzi eziquka imililo yamadlelo nokuba umbona ungxamile uyonakala,” ucacisa atsho uparkies.

Uthi ilizwe elingakwaz­i ukuzondla alinakuze libange ukuba lilizwe elikhulule­kileyo. “Umbona wam uthengwa yikokstad Milling esekokstad, kodwa akhona amathuba nakwezinye iindawo ezifana netshayina, ngoko xa sinokwenza ngaphezulu uza kukhula umsebenzi wethu,” uhambisa atsho uparkies.

Ngezolimo uparkies uqeshe abantu ababini ukuba basebenze ngokusemth­ethweni, logama aqesha abathile xa kukho imfuneko.

“Enye yeenjongo zethu kukuqinise­kisa ukuba abantu bafumana amathuba emisebenzi ukuze bondle iintsapho zabo, ngolimo lingakhula ilizwe logama kunokuba kuphucuka intlalo yabantu,” kutsho uparkies.

Ngaphandle kokulima uparkies ukwangumfa­ma ofuye iigusha neenkomo kwakule fama yakhe alime kuyo umbona. “Ndineegush­a ezingaphez­u kwamakhulu amabini, ziqalile ukuzala ngoku, neenkomo eziliqela noko ngelizama ukuncedisa­na nale nkqubo yokulima,” utsho.

Uparkies uqhwabela izandla urhulument­e wasempuma Koloni ngoncedo alifumene ukusukela oko aqale ukusebenza kule fama. “Zininzi kakhulu izinto endizinikw­e ngurhulume­nte, ezo zinto ziquka oogandagan­da amabini nezixhobo zokulima, ukutyala nokuvuna, ngoku ndilindele uncedo lokubiyela,” uvale ngelo uparkies.

 ?? ?? Utsala neenkabi emasimini uthokozile Parkies akavumi kuguga.
UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA
Utsala neenkabi emasimini uthokozile Parkies akavumi kuguga. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA
 ?? ?? Umfama umama uparkies evuna emasimini.
Umfama umama uparkies evuna emasimini.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa