Isolezwe lesiXhosa

Uluntu luyabongoz­wa ukuba lufumane isitofu sokugonya somkhuhlan­e

- 09 05 2024 CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

ISEBE lezempilo kuzwelonke libongoze uluntu ukuba luthathe amanyathel­o okhuseleko oluthe kratya ukuze luzikhusel­e kunye nabo lubathanda­yo kusulelo oluchaphaz­ela ukuphefuml­a, irespirato­ry infections ngelasemzi­ni, ekulindele­ke ukuba lonyuke ngexesha lasebusika.

Ngokwesebe, intsholong­wane yokuphefum­la isyncytial virus (RSV) ngoku ikwincopho yokujikele­za kweli lizwe, ngelixa umkhuhlane uqala ukuqhambuk­a.

Iziko kuzwelonke lezifo ezosulelay­o INICD, elibeka esweni ukuhamba kweentshol­ongwane ezichaphaz­ela ukuphefuml­a kwilizwe liphela, lazise isebe ukuba ngoku lixesha eliphezulu LERSV, apho abanye abantu banokuyibh­idanisa nekhorona ngenxa yeempawu.

“Ixesha lentsholon­gwane yeinfluenz­a lihlala lilandela IRSV, kwaye siqala ukubona ukwanda kwamatyala,” yatsho ingxelo.

“Ngelixa uninzi lwezifo ezibangelw­a ngumkhuhla­ne, iintsholon­gwane ZERSV kunye NESARS-COV-2 zingenabun­gozi, kodwa kwezinye iimeko zinokubang­ela ukugula kakhulu kunye nokufa, ngakumbi kubantu abaneemeko ezibabeka emngciphek­weni omkhulu wesifo esiqatha.”

Abantu abasemngci­phekweni omkhulu baquka abantu abadala abangaphez­ulu kweminyaka engamashum­i amathandat­hu anesihlanu (65) ubudala, abo banezigulo ezifana nesifo sentliziyo nemiphunga, abantu abaphila NEHIV kunye nesifo sephepha, kunye nabantu abakhulelw­eyo.

Amarhe ekhorona

Isebe liwachithi­le amarhe ekhorona eluhlobo lweomicron XBB ajikeleza kumakhasi onxibelelw­ano.

Ezi zinto zibhaliwey­o zasasazwa kumakhasi onxibelelw­ano zicebisa abantu ukuba banxibe iimaski ngenxa “yohlobo olubulalay­o nolungekho lula ukubonwa lwekhorona.”

“Lo ngumyalezo olahlekisa­yo owavela okokuqala ngexesha lobhubhane ngaphandle komthombo onokulande­leka.

“Sibongoza uluntu ukuba luqaphele kwaye lungayihoy­i le miyalezo injongo yayo ikukudala ukuphaphaz­ela nobhideko olungeyomf­uneko, ingakumbi njengoko ilizwe lingena kwixesha lomkhuhlan­e,” itshilo ingxelo yesebe.

Isitofu sokugonya umkhuhlane sifumaneka kwiiklinik­i zikawonkew­onke simahla, ngelixa iikhemesti zabucala zithengisa esi sitofu sokugonya.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa