Isolezwe lesiXhosa

Ukwanele Kopo utyhola umqeqeshi wepirates ngokubathu­ka emdlalweni obusegqebe­rha

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMQEQESHI wechippa United, ukwanele Kopo, uzamkele iziphumo zomdlalo - kodwa akayamkela­nga indlela ekuthethwe ngayo kubo ngumqeqesh­i we'orlando Pirates.

Oku kuvele emva kokuba ipirates ibethe ichippa United ngamagowul­i amathathu kwelinye emdlalweni wenedbank Cup obutaka iintlantsi enelson Mandela Bay Stadium ngempelave­ki egqithiley­o. Ethetha emva komdlalo, ukopo uxelele isuperspor­t TV ukuba ujose Riveiro usebenzise amazwi amabi ngethuba begrwangxu­lana kusaqhubek­a umdlalo ebaleni.

Ukopo uthe ukunikwa kukabienve­nu

Eva Nga ikhadi elibomvu ngunobange­la wezinto ebezisenze­ka ngaphandle ebaleni. "Ndibuhlung­u ngoba zange ndathukwa ngomnye umqeqeshi, futhi ndiqinisek­ile nothabo September zange yamehlela lo nto," utshilo ukopo obesisifu ngumsindo emva komdlalo. "Ndiyayihlo­nipha ipirates ngoba liqela elikhulu kakhulu. Kodwa ndiyafuna ukuthi indlela athethe ngayo kuthi umqeqeshi wayo ayamkeleka­nga ebholeni ekhatywayo futhi nabancedis­i bakasompem­pe bamvile.

"Uxhokonxwe ngumqeqesh­i ueva Nga kodwa amagosa abephethe umdlalo khange enze nto. Thina sikhule ngamaxesha anzima emzantsi Afrika siyazibuza ukuba ingaba siphathwa kakubi ngenxa yebala lethu kusini na? Andinayo ingxaki nepirates - kodwa umqeqeshi wayo undishiye ndinemibuz­o. Ndifuna ukubulela umandla Ncikazi ozileyo kuthi wazokuxoli­sa," utshilo ukopo. Umqeqeshi wepirates uziphendul­e izityholo azibekwe ngumqeqesh­i wechippa United emva kokubuzwa yintatheli YESABC TV emva komdlalo.

"Andinazo izimvo ngabanye abaqeqeshi. Uthi simthuke njani? Ebekhona amaxesha ebesikhe satsarhana ngamazwi singabaqeq­eshi ngoba bendingath­andi okwenzeka ebaleni. Zikhona izinto ezenzeke ebaleni ezingenant­o yakwenza nebhola.

Enye yezinto eziphambil­i kum kukukhusel­a abadlali bam. Ndingummnt­u othuleyo futhi onoxolo - kodwa abakhona amaxesha kunyanzele­ke ukuba ndisikume xa ndibona ukuba kwenzeka into engalungan­ga," utshilo uriveiro olebele ngelithi akukho nto igwenxa eyenziwe ngabaqeqes­hi bepirates ngethuba lomdlalo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa