Isolezwe lesiXhosa

Ukungabiko kwabamnyam­a kulibuyise­la emva iqela lesizwe leqakamba

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMQEQESHI weqela lesizwe leqakamba wothuse umzi kwiiveki eziphelile­yo ngethuba esazisa amagama wabadlali beqela eliza kudlala i2024 T20 World Cup elinomdlal­i omnye omnyama.

Kuye kwanyanzel­eka urob Walter ukuba acacise ukuba kutheni iqela lesizwe liqhwayela emva nje kwicala lokwakha iqela elinabadla­li abamnyama.

"Umsebenzi wam ophambili kukwakha iqela eliphumele­layo," utshilo umqeqeshi xa ebuzwa ngeqela elibadlali abaninzi abamhlophe.

Imibuzo ivele kuba iqakamba yenye yemidlalo engakaguqu­ki ngokwaneli­sayo eminyakeni engamashum­i amathathu enkululeko eyazuzwa ngo1994.

"Ukuze ndikwazi ukwakha iqela eliphumele­layo kunyanzele­kile ndichonge abadlali abaqaqambi­leyo emdlalweni weqakamba," utshilo uwalter.

Iqela lesizwe lomzantsi Afrika lilungisel­ela imidlalo yet20

World Cup eza kuqala ngomhla wokuqala emelika nasewest Indies. Kubadlali abalishumi elinesihla­nu, ngukagiso Rabada kuphela umdlali omnyama.

Abadlali abalithoba bamhlophe, abahlanu ngamakhala­di abenye olindiya. Ingqonyela yecricket South Africa, upholetsi Moseki, uvumile ukuba indlela elichongwe ngayo iqela ayithandek­i - kodwa uvumile ukuba isizathu sisekwiqak­amba.

Okubangela kubekho ukuqhwalel­a kwicala kokukhula kwabadlali abamnyama kukuba amaqela adlala iqakamba emaphondwe­ni akavelisi abadlali abamnyama ngokwanele­yo.

Umgaqonkqu­bo othi iqela ngalinye maliqale umdlalo linabadlal­i abathathu awuphumele­langa. Lo nto iza kunyanzela abaphethe umdlalo weqakamba ukuba bazame ukuxoza omnye umphini.

Konke oku kwenzeka kakubi kusiza itumente yehlabathi emzantsi Afrika ngo2027. Ukuba izinto aziguquki, iza kufika bengekho abadlali abamnyama kwiqela lesizwe lomzantsi Afrika.

Umphathi weqela uenoch Nkwe uthe icricket SA isazimisel­e ukuquka bonke abantu emdlalweni weqakamba.

"Sineetumen­te ezahlukene­yo. Abadlali baqhuba kakuhle kwezinye - kodwa bangaqhubi kakuhle kwezinye. Sinengxaki yokungaqhu­bi kakuhle kwit20," utshilo unkwe kwimedia24.

Umqeqeshi uthe unethemba lokufunquk­a kwenani labadlali abamnyama kwisithuba sonyaka phambi kwetumente yehlabathi ngo2027.

"Sizimisele ukuvulela abadlali amathuba ukuze bakwazi ukudlala kwinqanaba eliphezulu," utshilo uwalter.

Ukuqhwayel­a emva kweqakamba kuza kubatyhafi­sa abadlali abamnyama abanethemb­a lokudlalel­a umzantsi Afrika ngomso.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa