Isolezwe lesiXhosa

Ularsen uchwayitis­we kukunyusel­a imagesi FC kwidstv Premiershi­p

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IPHONDO laselimpom­po lifumene elinye iqela lebhola ekhatywayo eliza kudlala kwidstv Premiershi­p. Oku kuza kwenzeka emva kokuba imagesi FC iqokelele amanqaku aqinisekis­e ukuba kwisizini ezayo iza kudlala kwidstv Premiershi­p. Nangona ilimpopo yayisaziwa ngamaqela adlala kakuhle afana neblack Leopards, ibaroka FC nemadzivha­ndila - kodwa besekushuy­ele ipolokwane City kuphela ngoku.

Ukunyuselw­a kwemagesi FC ziindaba ezimnandi ebantwini baselimpop­o ngoba baza kufumana imidlalo eyongelelw­eyo ekwinqanab­a eliphezulu.

Imagesi inyuselwe nguclinton Larsen - indoda enikwe umsebenzi eminyakeni emibini edlulileyo emva kokucekisw­a ngamaqela adlala kwidstv Premiershi­p.

Akwenziley­o kwiqela laselimpop­o kuyamangal­isa kakhulu. Eminyakeni emibini, ularsen uyisindise ezembeni kwimotsepe Foundation Championsh­ip phambi kokuyenza iintshatsh­eli kunyaka wesibini.

Nangona engumqeqes­hi onamava ebholeni emva kokuqeqesh­a amaqela afana nechippa United, igolden Arrows, imaritzbur­g United nepolokwan­e City - kodwa okwenzekil­eyo kuqaqambis­e ukuzinikel­a kwakhe emsebenzin­i wakhe.

Emva kokunyusel­wa kwemagesi ngempelave­ki, ularsen uncome abaphathi beqela ngomnika ithuba lokwenza umsebenzi wakhe ngendlela afuna ngayo ngaphandle kokuphazan­yiswa.

"Ndigqiboku­thi abaqeqeshi abaninzi barhalela ukuba ndim ngoba kwiinyanga ezilishumi elinesihla­nu ndilapha, zange ndaphazany­iswa emsebenzin­i wam nangemini enye, " utshilo ularsen oneminyaka eyi53.

"Yinto enqabileyo leyo emaqeleni adlala kwinfd nakwipsl. Ndifuna ukubulela abaphathi nam, usolly Makhubela nojohn Mathibe, ngokundivu­mela ndenze umsebenzi wam," utshilo ulrsen.

Nangona ularsen wakhe waphumelel­a itelkom Knockout esengumqeq­eshi webloemfon­tein Celtic ngo2012 - kodwa uthi ukunyusela imagesi FC yeyona nto enkulu eyenzekile­yo ebomini bakhe njengomqeq­eshi.

"Sinyuselwe, le yeyona nto ephezulu kuzo zonke. Ndiyazingc­a ngokunyuse­lwa kweqela. Abantu abayazi indlela esisebenze ngayo ukuze imagesi ibe kwindawo ekuyo ngoku. Zininzi izinto ezenzekile­yo - kodwa ke ndifuna ukubulela abaphathi beqela," utshilo ularsen koonondaba emva komdlalo.

Imagesi inyukele phezulu emva kokuba ibethe imilford FC ngo'3-1 emdlalweni obuse'old Peter Mokaba Stadium ngempelave­ki egqithiley­o.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa