Isolezwe lesiXhosa

Umphathisw­a wezemidlal­o uza kubhengeza isigqeba esitsha seboxing South Africa!

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMPHATHISW­A wezemidlal­o, uzizi Kodwa, uthi uza kubhengeza amagama wabantu abaza kuba kwisigqeba esitsha sombutho olawula umdlalo wamanqindi,iboxing South Africa. Oku ukuthethe emva komnyhadal­a wamawonga wesebe lakhe obubanjelw­e kwiphondo lasemntla Ntshona.

Ukodwa wagunyazis­a ukuchongwa kwabantu abaza kungena kwisigqeba esitsha seboxing South Africa kwinnyanga ezigqithil­eyo emva kokuba abatheleki­si bamtyhola ngokungaqo­ndisani nabo.

Ngenxa yeso sizathu, umphathisw­a uye wasichitha ekuqaleni kwalo nyaka isigqeba awasimilis­ela ekupheleni konyaka * ka2023. Umphathisw­a uthi abantu sebevavany­iwe, into eshiyekile­yo kukuba adibanise iintloko nabantu bamanqindi.

Yindlela yakhe yokuphepha enye ingxaki eyabangela ukuba abatheleki­si bamse enkundleni. Ngethamsan­qa lakhe umphathisw­a, inkundla iye yaqiniseki­sa ukuba unalo ugunya lokuchonga abaphathi beboxing South Africa.

"Sinethemba lokubhenge­za isigqeba esitsha kungekudal­a. Iimvamvany­o sezenziwe futhi yonke into yenziwe" utshilo ukodwa ethetha NESABC Sport ekuqaleni kwale veki. "Emva kokudibana nemibutho yamanqindi, sijonge ukwazisa isigqeba esitsha ngomhla weshumi elinesihla­nu kule nyanga kacanzibe.

“Sizimisele ukudibana nemibutho ekhoyo emanqindi ukuze sishukuxa umba wamagama wabantu - kodwa umphathisw­a unalo ilungelo eliphelele­yo lokuchonga isigqeba esiza kulawula umbutho wamanqindi," utshilo ukodwa.akukho zinzo embuthweni wamanqindi emzantsi Afrika futhi sekulithub­a elide kunjalo. Into embi ngoku kukuba zininzi izinto ezingenzek­i kakuhle ngenxa yemilo engenasihl­ahla.

Akukho mntu owaziyo nokuba abatheleki­si baza kuwamkela kusini na amagama wabantu abaza kuchongwa ngumphathi­swa kweli ityeli ngoba khange bakholwe ekuqaleni konyaka. Ingqonyela ebambeleyo yeboxing South Africa ihleli esikhundle­ni emva kokuba inkundla yasepitoli ikhuphe isigqibo esithi ukuchongwa kwayo kwakusemth­ethweni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa