Isolezwe lesiXhosa

Isundowns isecicini lokuzuza iindebe ezintathu kwisizini enye!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IMAMELODI Sundowns isecicini lokuphumel­ela iindebe ezintathu kwisizini enye. Oku kuza emva kokuba isundowns iphumelele indebe yedstv Premiershi­p kwiveki ephelileyo EFNB Stadium - apho ivuthulule khona ikaizer Chiefs ngamagowul­i amahlanu kwelinye.

Kanti ngempelave­ki egqithiley­o, isundowns ibethe istellenbo­sch FC ngamagowul­i amabini kwelinye emdlalweni wenedbank Cup obunzima edanie Craven Stadium.

Lo nto iyinika ithuba lokuphumel­ela enye indebe xa idibana ne'orlando Pirates emdlalweni wokugqibel­a wenedbank Cup oza kube usembombel­a Stadium ngomhla wokuqala kweyesilim­ela.

Nakubeni isundowns izamile ukuthatha indebe YECAF Champions League ekhutshwe kuyo yiesperanc­e de Tunis kutshanje - kodwa okuhle kukuba ibisele ifake engxoweni indebe ye'african Football League ebiqala ukudlalelw­a phantsi kwecaf.

Emva kokubetha ichiefs, urulani Mokwena ubancomile abadlali bakhe emva kokungatyh­afiswa kwabo kukuphoswa yindebe yechampion­s League iminyaka ilandelela­na.

"Ngoomanqan­qa abadlali esinabo. Kwakuthath­a iminyaka ukuba nabadlali abanjengab­a kwakhona," utshilo umokwena, othe abadlali bakhe benza kube nzima ukudlala nesundowns.

Umokwena uthe iqela lakhe belifuna ukuthatha zonke iindebe ezikhoyo - kodwa wavuma ukuba alinalo ilungelo elikhethek­ileyo lokuphumel­ela zonke iindebe ezikhoyo.

"Ingxaki esikuyo kukuba kulindelwa yonke into xa uwenza kakuhle umsebenzi. Ndifuna ukuncoma abalandeli besundowns ngokusixha­sa.

“Ndiziva ndiwongeki­le yinkxaso abandinika yona," utshilo umokwena ethetha kwisupersp­ort TV. Nangona isundowns iphoswe yindebe yechampion­s League - kodwa ifumene eyona nto enkulu: ukudlala kwififa Club World Cup eza kube isengethwe emelika kunyaka ozayo. Ngokudlala kuyo, isundowns iza kunikwa imali eyir1-billion yonke.

Ukuze isundowns ifumane indebe yesithathu kule sizini ephelayo, kufuneka igqithe kwipirates ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo.

Okunika umdla emdlalweni ophakathi kwesundown­s nepirates kukuba axhibene ngoba ebekhe adlala umdlalo WEMTN8 owaphunyel­elwa yipirates ekuqaneli kwesini emoses Mabhida Stadium.

Amakhwenkw­e kamokwena aza kuya empumalang­a efuna ukubuyisa izitya. Kanti kwelinye icala, ipirates iza kuya emdlalweni ifuna ukukhusela indebe yayo ebiyiphume­lele kunyaka ophelileyo.

Omabini amaqela aqhuba kakuhle emidlalwen­i yedstv Premiershi­p.

 ?? UMFANEKISO: ©PHAKAMISA LENSMAN/BACKPAGEPI­X ?? Urhulani Mokwena ebhiyozela impumelelo yemamelodi Sundowns emva kokubetha ikaizer Chiefs emdlalweni wedstv Premiershi­p EFNB Stadium.
UMFANEKISO: ©PHAKAMISA LENSMAN/BACKPAGEPI­X Urhulani Mokwena ebhiyozela impumelelo yemamelodi Sundowns emva kokubetha ikaizer Chiefs emdlalweni wedstv Premiershi­p EFNB Stadium.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa