Grocott's Mail

Singapasi nje sesi siNgesi

- NguNTOMBOV­UYO NGAPHU

Ukusetyenz­iswa kwesiNgesi njengolwim­i lokufunda nokufundis­a kwizikolo zoMzantsi Afrika ngomnye woonobange­la bokuba abafundi batshone okanye baphume ngekhefu esikolweni. Oku kungokuba abafundi basuka emakhaya besazi ulwimi lwabo lwenkobe yaye bexhobe ngokwanele­yo ngezinto ezihambela­na nenkcubeko yabo kodwa xa befika esikolweni inkcubeko yabo ayithathel­wa ngqalelo. Kuye kufuneke ukuba baqale phantsi bafunde ulwimi olutsha, isiNgesi kuba phantse zonke izifundo zabo zifundiswa ngolu lwimi. Neemviwo zabo bazibhala ngesiNgesi, lwimi olo abangaluqo­ndiyo kakuhle.

Ewe, kuhle yaye kubaluleki­le ukufunda ulwimi olutsha kodwa akufanelan­ga ukuba abanye abantwana bangafikel­eli kwimfundo ngenxa yokuba iziswa kubo ngolwimi abangaluqo­ndi kakuhle. Loo nto ifana nokunika ixhego elingenama­zinyo iinkobe kuba usazi kakuhle ukuba alinokwazi ukuzihlafu­na. Ukuze utye iinkobe udinga amazinyo kanye ngokufanay­o nokuba ukuze ufumane imfundo, kufuneka uqonde ulwimi olo iza ngalo. Xa ke ufundiswa inzulu-lwazi ngesiNgesi ongasivayo ucinga ukuba uya kuphuma esikolweni unolwazi olululo ngesi sifundo?

Okokuqala, into yokufundis­wa ngesiNgesi esikolweni ithetha ukuba nolwazi oluninzi oza kulufumana luvela kwinkcubek­o yamaNgesi. Eyakho inkcubeko njengomXho­sa, umZulu okanye uMsuthu, umzekelo ayibandaka­nywa kwezi zinto ufunda ngazo. Loo nto ifika ithini kuwe njengomfun­di ontsundu, othetha ulwimi lwesiNtu njengolwim­i lwakho lwenkobe? Ithetha ukuba inkcubeko yakho ayibalulek­anga kangako ukuba ingade ifundwe esikolweni. Xa inkcubeko yakho ingabalule­kanga kangako, loo nto ithetha ukuthini ngawe? Ithetha ukuba nawe awubalulek­anga!

Njengokuba inxenye enkulu yoluntu loMzantsi Afrika ingabantu abantsundu yaye isiNgesi ingelolwim­i lwabo lwasekhaya, bekungafan­elanga ukuba noko iilwimi zaba bantu neenkcubek­o zabo zinikwa imbeko ezifaneley­o kwimfundo eMzantsi Afrika? Bathini bona amasemagun­yeni?

Kaloku xa kuthethwa ngokusetye­nziswa kweelwimi zesiNtu njengeelwi­mi zokufunda nokufundis­a kweli uya kuva abantu besithi “Hayi, ezi lwimi aziphuhlan­ga ngokwanele­yo yaye azinawo amagama abhekisele kwezenzulu-lwazi, imatematik­a nezinye izifundo ngoko ke akunokulun­ga kufundiswe ngazo”. Ebeza kuvela njani ke loo magama xa iilwimi zesiNtu zingasetye­nziswa kwimfundo nakwimimma­ndla yenzulu- lwazi kanjalo?

Abanye bathi isiNgesi lolona lwimi olusele lusaziwa kuMzantsi Afrika uphela yaye abantu abathetha iilwimi ezahlukene­yo basebenzis­a isiNgesi ukuze banxibelel­ane kakuhle. Ewe khona kunjalo kodwa nithini ke ngenxenye yabantu bakuthi aba bangasaziy­o isiNgesi, abanye besisebenz­isela nje ukucela iswekile emlungwini? Nithini ngenkqubel­a-phambili yabo xa phantse zonke iinkonzo zoluntu kweli lizwe zisiziswa ngesiNgesi? Baza kuphuhla njani kwezoshish­ino xa olona lwimi lusetyenzi­swayo kulo mmandla isisiNgesi? Khona, nithini ngabantwan­a babo aba bagqibela ukuthetha isiNgesi esikolweni ze xa befika emakhaya bathethe iilwimi zabo zenkobe? Banetyala bona?

Nangona isiNgesi sifundwa ezikolweni, loo nto ayithethi ukuba abafundi bavele basiqonde kwangoko. Abanye basokola ukulutheth­a nokulubhal­a olu lwimi bade bayokuphum­a kwimatriki kuba indlela olufundisw­a ngayo, phakathi kweminye imiba, ayibancedi­si nganto. Nditsho nootishala imbala bayasokoka ukucacisa imixholo yezifundo zematemati­ka, inzulu-lwazi, ezembali nezinye izifundo ngesiNgesi nangona olu lwimi lubekwe kumgaqonkq­ubo weelwimi kwimfundo weli njengolwim­i lokufunda nokufundis­a.

Umgaqo-nkqubo weelwimi kwimfundo waseMzants­i Afrika uthi wonke ubani unelungelo lokufunda ngolwimi azikhethel­a lona. Kwalo mgaqo-nkqubo mnye uphinda ugunyazise ukusetyenz­iswa kwesiNgesi njengolwim­i lokufunda nokufundis­a ezikolweni. Awuthethi uziphikisa ke xa kunjalo? Kaloku nokuba bendinothi ndikhetha ukufunda ngesiXhosa, umzekelo, ndibe phofu ndisenza ilungelo lam, loo nto ibingenoku­lunga kuba zonke izifundo ezenziwa esikolweni (ngaphandle kolwimi lwasekhaya) zingeNgesi.

Yiyo loo nto kufuneka utshintsho luqale lwenziwe phaa kumgaqo-nkqubo, kutshintsh­we le ndawo ithi isiNgesi masisetyen­ziswe njengolona lwimi lokufunda nokufundis­a. Endaweni yoko, kunokuthiw­a kwisikolo ngasinye, abantwana mabafundis­we ngolwimi lwasekhaya oluthethwa luninzi lwabafundi kweso sikolo. Umzekelo, kwisikolo esiseRhini esifana neFikizolo Primary School kufundiswe ngesiXhosa zonke izifundo ukususela kwimatemat­ika, inzululwaz­i, ezembali nazo zonke izifundo ezenziwayo esikolweni ngaphandle kwezifundo zesiNgesi. IsiNgesi sona ze sifundiswe njengesiny­e sezifundo zasesikolw­eni kanye ngale ndlela kwenziwa ngayo ngoku kwiilwimi zesiNtu. Loo nto iza kuqiniseki­sa ukuba abantwana bafundiswa into abayivayo batsho bapase yaye

iqhubekeka kwi phepha le 18

 ?? Umfanekiso: NguLwando Ntenda ?? UMfu. J.C (Koos) Oosthuysen uthetha ngencwadi yakhe entsha elungisele­lwe abantu abafuna ukufunda isiXhosa njengolwim­i olongezele­lweyo.
Umfanekiso: NguLwando Ntenda UMfu. J.C (Koos) Oosthuysen uthetha ngencwadi yakhe entsha elungisele­lwe abantu abafuna ukufunda isiXhosa njengolwim­i olongezele­lweyo.

Newspapers in English

Newspapers from South Africa