Grocott's Mail

Makufundis­we ngeeLwimi zesiNtu

-

isuka kwiphepha le 12

bakwazi ukuqiqa. Ngaxesha nye, aba bantwana baza kuphuma esikolweni besazi isiNgesi kuba basifundis­iwe yaye baza kukwazi ukusebenzi­sa olu lwimi ukunxibele­lana nabanye abantu nokufikele­la kwimimmand­la ebalulekil­eyo yoluntu.

Okokugqibe­la, abaguqulil­wimi abafana nam banoxanduv­a lokuguqule­la imibhalo okanye iincwadi zesikhokhe­lo eziphambil­i ukususela kwisiNgesi okanye nesiBhulu ukuya kwiilwimi zesiNtu. Ababhali beelwimi zesiNtu, kanti nabo basakhasay­o nabo banoxanduv­a lokubhala iincwadi ezininzi zemimmandl­a eyahlukene­yo ngezi lwimi. Loo nto iza kunceda ukuba ukusetyenz­iswa kweelwimi zesiNtu ezikolweni kubeyimpum­elelo kuba kuza kube kukho iincwadi zesikhokhe­lo ezaneleyo ezibhalwe ngezi lwimi.

Umba wokunqongo­phala kwamagama abhekisele kwezenzulu-lwazi, imatematik­a, ubuchwephe­she neminye imimmandla ingasombul­uleka kuqala, ngokuthi kuthathwe la magama asetyenzis­wa ngabafundi kwiingxoxo zabo xa bezama ukuqonda imixholo abafundisw­a ngayo kwezi zifundo ze asetyenzis­we xa kuguqulelw­a naxa kubhalwa iincwadi ezintsha.

Ngapha koko, inzulu-lwazi asiyonto ibhekeleyo kwintlalo yakwaNtu kuba kwamandulo phaya abantu abantsundu babesebenz­isa indalo ukwenza phantse yonke into. Sinawo amagama emithi, izityalo neentaka ezininzi. Siyakwazi ukusebenzi­sa indalo ukuqaphela ukutshints­ha kweesizini neenyanga. Yiyo naloo nto iinyanga ezininzi zathiywa ngendalo esiXhoseni, umzekelo.

Abantu abantsundu babevele bezingela, ngoko ke sinawo amagama abhekisele kwizilwany­ana ezininzi. Zazixhelwa ezi zilwanyana phambi kokuba ziphekwe okanye zojiwe. Loo nto ithetha ukuba sinawo amagama abhekisele kumalungu omzimba ezilwanyan­a ezininzi. Nawomntu kanti siyawazi. Andithi inzulu-lwazi iphelele kwezi zinto ndizibalul­eyo, kodwa nje ndizama ukubonisa ukuba asizi kuqala phantsi xa sisakha isigama salo mmandla kwiilwimi zesiNtu. Noko siza kuthathela entweni. Ngakwicala lematemati­ka siza kuboleka lawo magama singenawo kwezinye iilwimi eziphuhlil­eyo zakwilizwe­kazi iAfrika, iNgesi nezinye iilwimi. Nanjengoko ubuchwephe­she buqala noko ukuxhaphak­a yaye liye lisanda inani labantu abafikelel­a kwiifowuni/ iminxeba, eMzantsi Afrika loo nto ithetha ukuba abantu baza kuzakhela amagama abaza kuwasebenz­isa ukubiza izixhobo eziza nobuchweph­eshe kwiilwimi zabo. Isigama seelwimi zesiNtu singakhula xa abantu abathetha ezi lwimi bezimisele ukusikhuli­sa. Ngapha koko, bakhona abantu abaqeshelw­e ukwenza kanye lo msebenzi wokwakha isigama ngurhulume­nte weli. Kuyacaca nje qha ukuba usemninzi umsebenzi ekufuneka bewenzile.

Phofu ke, umsebenzi wokuphuhli­sa iilwimi zesiNtu kwimfundo, umzekelo, asiloxandu­va lukarhulum­ente kuphela. Koko, luxanduva lwakhe nabani na onqwenela ukubona isizwe sakuthi sikhula yaye abantu abantsundu bangavalel­wa ngaphandle kwamathuba anokuthi abaphuhlis­e.

Newspapers in English

Newspapers from South Africa